trufm Current Affairs

01 12 2024 NEWS REVIEW-WORLD AIDS DAY


Listen Later

Namhlanje usuku lokuqala kwinyanga yoMnga ihlabathi jikelele liqaphela usuku lwesifo sikagawulayo ngesimemelelo sokuba kubekho umanyano ekulweni intsholongwana kagawulayo. Umxholo wesizwe wulo nyaka othi "Equal Rights, Equal Care" uhlaba ikhwelo kwiinkokheli nabemi beli lizwe ukuba bakubeke phambili ukubaluleka kwamalungelo kwezempilo ngokuqubisana nokungalingani nto leyo ibangela ukuba kungabikho nkqubela kumlo nesifo sikagawulayo. Babetha kwizigidi ezisibhozo abantu abaphila nentsholongwane kagawulayo kweli kwaye kwelinani bangaphezulwana kwezigidi ezintandathu abantu abafumana amachiza okunyaa le ntsholongwane. Ukanti iingcali zithi emva kweminyaka yokufundisa nokwazisa ngesi sifo basebaninzi abantu eMzantsi Afrika abangayiyo ukufumana uncedo okanye ukuya kufumanisa ukuba banayo kusini le ntsholongwane. Ukungena nzulu kwincoko yethu namhlanje sinaye emnxebeni umcebisi ngezamalungelo oluntu kumbutho i South African National Aids Council (SANAC) u Pholo Ramothwala, kwakunye nosihlalo kuzwelonke wombutho i Treatment Action Campaign uSibongile Tshabalala...

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News