Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 795 episodes available.
May 30, 2026WORLD SCLEROSIS DAYThousands of South Africans Living with Multiple Sclerosis Still Face Delays in Diagnosis, Support and Care. . Ngamawakawaka abantu abaphila nesi sifo eMzantsi Afrika, nabasajongene nolibaziseko ekufunyanisweni kwaso, ukufumana inkxaso nenkathalo. Esi sesinye sezifo ezinganyangekiyo (chronic), kodwa uninzi olunalwazi ngaso, kwaye sisifo esingaqondwa ncam kweli lizwe. Kungoko abezempilo, amatsha-ntliziyo kwanabo baphila nesi sifo bememelela ekubeni kwenziwe iphulo lokuxhobisa, ukufunyaniswa kwangethuba kwaso (early diagnosis) kwakunye neenkqubo zexesha elide zokunika inkxaso kwabo bachaphazelekayo. To equip ourselves about this chronic illness, on the line we are joined by Clinton Rambanapasi from Roche Medical Partner for Neuroscience...more10minPlay
May 30, 2026BOOK KULATI, "Take the Gap",Kwinqaku lethu lophicotho-ncwadi kule mpelaveki, sijonge incwadi enesihloko esithi "Take the Gap", ebhalwe ngu Lonwabo Patrick Kulati. UKulati yingqonyela yombutho iGood Governance Africa, aphinde abe ngumsunguli okwayingqonyela ye Kulati Coaching & Consulting. Uyinzalelwane yaseGqeberha eMpuma Koloni. u Ayabonga Kekana wenze oludliwano ndlebe.......more7minPlay
May 28, 2026TRUNEWS @6 - Looking at hunger in South Africa on World Hunger DayBangaphezulu kwe-60-percent (close to14-million) abantu eMzantsi Afrika abaphila phantsi kwentlupheko. Uphando lweziko leenkcukacha-manani, iStats SA, luka-2025, nolungxile kwiinkcukacha ngamakhaya, noluqwalasela uphuhliso kweli lizwe, lubonisa ukuba umyinge wabantu abaye baxhamla kwizibonelelo zezentlalontle wenyuke ukusuka ku-13% ngo-2003, ukuya ku 39% ngo-2025. Ingaba oku kubonisa ukuba indlala ibangelwa kukungabikho kwemisebenzi? To help understand, on the line now Amanda Xhala is joined by Cassandra Potgieter from SA Harvest... ...more12minPlay
May 27, 2026TRUNEWS @6 - Election Wednesdays, brought to you by the IECIkomishoni ezimeleyo yezonyulo, i-IEC ngamafuphi, iphehlelele ngokusesikweni namhlanje iphulo eliphawula ukuqala kweenkqubo zokuxhobisa uluntu ngonyulo oluzayo loorhulumente basekhaya, noluza kubanjwa ngo November walo nyaka. Oku kulandela isibhengezo sikamongameli u Cyril Ramaphosa, nalapho aye wabhengeze umhla wesine kuNovember nje ngosuku ekuza kubanjwa ngalo unyulo loomasipala. Usuku lwangoLwesithathu ke lubekelwe bucala ukuqwalasela konke okudibene neenkqubo ezisingise kolu suku, lukwakhuthaza abemi beli abaselungelweni lokuvota ukuba babe yinxalenye yezi nkqubo. Ukuba sincokole banzi ngalo mba, emnxebeni kungokunje uAmanda Xhala ubambe ongusekela-manejala kwikomishoni yonyulo ezimeleyo kwiMpuma Koloni, u Mr Masindi Mosegana......more11minPlay
May 27, 2026TRUNEWS @6 - Climate change and agricultural sector in South AfricaUbalelwa kwimali engange 24 billion yeerandi umonakalo odalwe zimvula ezinamandla nezibangele izikhukula kwiifama ezikwimimandla eyohlukileyo yamaphondo iMpuma Koloni neNtshona Koloni. Apha ephondweni, ziifama ezikummandla iGamtoos Valley kufuphi nedolophu iJeffreys Bay eziye zachaphazeleka kakhulu. Ukanti eNtshona Koloni, iifama ezikummandla iLangkloof, ne-Breede River Valley, nazo azisindanga ekukhukulisweni zezi mvula zimandla. Iimveliso zeziqhamo, amadama, umhlaba wokulima neziseko ezingundoqo zokusebenza kwezi fama zonakele. Ukuncokola banzi ngefuthe loku u-Ayabonga Kekana uncokole noyi-Presidential Special Envoy on Agriculture and Land, uWandile Sihlobo, nothethe wenjenje ngefuthe lezikhukhula zakutshanje kwezolimo…...more9minPlay
May 26, 2026TRUNEWS @6 - Universities will receive R100.1bn, TVET colleges R14.7bn and community education and training colleges R3.3bnUmphathiswa weSebe lemfundo ephakamileyo, uButi Manamele, udakance ulwabiwo-mali lweSebe lakhe olukwi 149.2 Billion yeerandi. IiYunivesithi ziza kufumana imali engange R100.1 Billion, iiTVET Colleges ziza kufumana iR14.7 Billion, ngeli thuba iikholeji zoqoqosho nazo ziza kufumana imali engange R3.3 Billion. Lena yimali eza kuncedisana nophuhliso lwabafundi. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala uchophe nomlawuli-jikelele weli Sebe, uGqirha Nkosinathi Sishi... ...more13minPlay
May 26, 2026Looking at Africa Day amidst socio-economic issuesNjengokuba kubhiyozelwa iAfrica Day, sithe makhe sincokole ngokubaluleka kolusuku nemiba echaphazela iAfrika. Phakathi kweminye imiba yimingcelele noqhankqalazo lwakutsha nje oluchasene nabemi bamazwe angaphandle abakweli ngokungekho mthethweni. Ukuba sincokole banzi ngalomba, emnxebeni sibambe ophuma kwi African Diaspora, ugqirha Vusumzi Sibanda.......more13minPlay
May 26, 2026TRUNEWS @6 - The impact of illicit imports and counterfeit goods to the local economyIqumrhu labezoshishino kwiphondo iKwaZulu-Natal lithi ushishino lunethemba lokuba urhulumente weloMzantsi Afrika uyithabathele ingqalelo inyewe yeemveliso neempahla zomgunyathi, kwakunye nabantu bokufika abakweli bengenazo iimpepha ezisemthethweni. Kwintlanganiso phakathi kwe qumrhu, umbutho iMarch and March, oosomashishini, imibutho yabasebenzi namapolisa, eli qumrhu lithe ukungena kwabantu kweli ngokungekho mthethweni, nentengiso yeempahla zomgunyathi, ziluthwaxa kakhulu uqoqosho lweli. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo, uZanele Buthelezi... ...more10minPlay
May 25, 2026INTERCHANGE - A call for an integration of ancestral calling in institutions of higher learning.Kubaluleke kangakanani ukiuba amaziko emfundo ephakamileyo axhotyiswe ngobizo lwenkolo kaNtu? Lo ngumbuzo ubuphendulwa kwinkomfa ibibanjwe kwiziko-mfundo iNelson Mandela University eGqeberha, nibisingathwe ngumbutho iNational Association for Student Development Professionals. Le ndibano ibidibanise abathunywa abangapha kwekhulu nalapho beshukuxa imingeni ejamelana nabafundi abathi babenobizo lwenkolo yesintu. Ingxoxo ibiphambili kule ndibano ibekukushokoxeka kolwazi olwaneleyo nenkxaso ethi inikwe abafundi abakula maziko xa bekule meko. Ayabonga Kekana uncokola nonobhala weNational Association for Student Development Professionals uSibusiso Thwala…....more8minPlay
May 24, 2026NEWS REVIEW - The Eastern Cape ANC PTT's induction received mixed reactions from party membersIqoqo lolawulo kwi-ANC lichithe isikhokelo salo mbutho kwiphondo iMpuma Koloni, emva kokuba ixesha labo lolawulo lifikelele esiphelweni apha ku-May. Bekulindeleke ukuba isikhokelo salo mbutho esitsha ephondweni sonyolwe kwinkomfa yango-March kuGompo, kodwa lo nkomfa yamiswa sisithintelo sethutyana senkundla, nalapho amalungu athile aya enkundleni efuna ukuba kumiswe le nkomfa, de kuqosheliswe imiba echaphazela amasebe anabathunywa ababeza kuzimasa le nkomfa. Eyokugqibela inkomfa yachopha ngo-May ka-2022. NgoLwesine weveki ephelileyo, unobhala-jikelele we-ANC uFikile Mbalula, ngokuthunywa yi-NEC yalo mbutho, uye wazo kubhengeza ngokusesikweni isikokhelo sethutyana salo mbutho esiza kulungiselela ukuba kubekho inkomfa eza konyula isikhokelo esitsha. Esi sikhokhelo sethutyana okanye iProvincial Task Team yamkelwe ngokohlukana ngamalungu alo mbutho. Masive uMbalula xa echaza esi sikhokelo sitsha (PLAY SOUND). Emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli neendwendwe zethu eziza kusincedisa ukuhlalutya esi sikhokelo, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast kunye noGqirha Xolisile Ngumbela… ...more55minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 795 episodes available.