
Sign up to save your podcasts
Or


Ayaqhuba amalungiselelo wokubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela lowo wayesakuba ngusekela mongameli u Phumzile Mllambo Ngcuka . U Mlambo Ngcuka usweleke ngokuhlwa kwangoLwesihlanu kuleveki iphelileyo. Urhulumente umnike umngcwabo waseburhulumenteni okwinqanaba lwesibini. Uzakufihlwa kwilali i Annshaw eXesi ngomso. UAmanda Xhala uncokole nentatheli yethu u Ntombozuko Balintulo.....
Samkelwe isigqibo sekundla yezibheno sezemidlalo emva kokuba igwebe ngelithi ilizwe laseSenegal zizo intshatsheli zeAfrica Cup of Nations ka2025. Ngaphambili, ibhodi ye Confederation of African Football yagqiba kwelokuba iMorroco zizo intshatsheli emva kokufumana iSenegal inetyala lokuphuma ebaleni ngethuba kwakudlalwa umdlalo wamagqibela kankqoyi ekuqaleni kwalonyaka. Esi sigqibo sothusa ihlabathi kwaye sakhalinyelwa. Emnxebeni sinayo intatheli yethu uMonwabisi Jimlongo nalapho sizakuncokola ngesidima seCAF....
I-Democratic Alliance izifumanele zonke izikhundla zolawulo ezine ezibaluleke kakhulu kumasipala ombhaxaa iNelson Mandela Bay, nalapho uRitief Odendaal enyulwe njengosodolophu walo masipala. Urhulumente wenkazathi okhokelwa yi-DA ukhokela ibhunga lalo masipala, nonezihlalo ezilikhulu elinamashumi amabini (120 seats), nalapho ilishumi elinesibhozo imibutho yezopolitiko emelweyo kweli bhunga. Ukanti igqugula elikhokelwe yi-ANC lisilele ukufumana inkxaso eyaneleyo khon' ukuze libumbe urhulumente wenkazathi obeza kulawula lo masipala, nto leyo enike iDA nogxa bayo kwinkazathi ithuba lokuba ilawule. ULubabalo Dada ulazi ngcono eli nqaku...
Ngethuba owayesakuba ngumongameli weli, uThabo Mbeki echonga uPhumzile Mlambo-Ngcuka ukuba abe ngusekela-mongameli ngonyaka ka-2005, wamxakathisa uxanduva lokukhokela i-cabinet ngeenjongo zokuzisa uhlumo kuqoqosho, kwanokuqinisekisa ukuba iinzuzo zalo zixhanyulwa luluntu lonke lweli lizwe. UMlambo-Ngcuka waququzelela ukuba urhulumente, amashishini akwarhulumente, abezoshishino, nabasebenzi, baqulunqe kwaye bamilisele iphulo elibizwa i-Accelerated and Shared Growth Initiative for South Africa, i-AsgiSA ngamafuphi. Lo mgaqo-nkqubo wakhawuleza waba liphulo eliphambili ngexa ekwesi sihlalo. UAmanda Xhala usenzele ingxelo kaTshepo Mongoai...
Urhulumente wephondo iMpuma Koloni uphehlelele ngokusesikweni iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elichasene nodushe ngakumanina nabantwana eMbizana, kumasipala wesithili i-Alfred Nzo, kwiMpuma Koloni. Eli phulo lijoliswe ekomelezeni iintshukumo eziquka wonke umntu, ukukhuthaza ukuchazwa kwezenzo zokuxhatshazwa, ukuxhasa amaxhoba nokuphakamisa inkcubeko yokuthabatha uxanduva ngelokuqinisekisa ukuba amanina nabantwana baphila ubomi obukhululekileyo obungenadushe nakuxhatshazwa. Urhulumente wephondo uhlabe ikhwelo kumacandelo onke oluntu lokuba lumanyane ekuqubisaneni nasekusiphuleni neengcambu izenzo zokuxhatshazwa ngokwesini, nokubulawa kwamanina. UFundiswa Mhlekude ebelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo...
Akukacaci ukuba kuzakwenzeka ntoni ngenkqubo yasePalamente eqwalasela ukususwa kukamongameli esikhundleni, emva kwesigwebo senkundla ephakamileyo yephondo iNtshona Koloni, sokubekela bucala ingxelo yegqiza elizimeleyo ebelisebenza ngokwesolotya uSection89 kwibholo lasePhalaphala. Intlanganiso yale komiti ebicetyelwe unamhlanje irhoxiswe, usihlalo wayo uMakashule Gana esithi usomlomo wePalamente uThoko Didiza nekomiti, basafuna ingcebiso yomthetho ngeziphumo zesi sigwebo. Kusenjalo, iingcali zomthetho nepolitiki zivakalise izimvo zazo kwinto enokuba ngumkhombandlela neziphumo zoku kwiPalamente. Masive ngokunabileyo kwintatheli yethu uMkhokheli Bandla...
Zisondezwe eluntwini iinkonzo zezempilo ezidingeka kakhulu kwindawo yase-Reeston, kwisixeko saKuGompo, kwiphondo iMpuma Koloni. Iphulo elibizwa iRotary Family Health Days liyinxalenye yeenzame eziqhubayo zokucutha uxinizelelo kwinkonzo yezempilo karhulumente, kwaye lenziwe laba yimpumelelo ngongenelelo lweSebe lezempilo kwiphondo, iRotary Action Group nombutho wesisa iGift of the Givers, phakathi kweminye imibutho. Iinkonzo ezinikezelwa phantsi kweli phulo ziquka eyokhathalelo lwamehlo, eyamazinyo, eyesifo somhlaza, nokuvavanyela intsholongwane kagawulayo, phakathi kwezinye. UHlumisa Qabaka ebelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo
Umongameli uCyril Ramaphosa unike urhulumente wakhe iintsuku ezingamashumi elithoba ukuba asungule isicwangciso sokusetyenziswa kobuchwepheshe obukudidi oluphezulu lwale mihla lwe-AI, ngelokuphucula icandelo likarhulumente, nokusiwa kweenkonzo kuluntu. Isimemelelo sikaRamaphosa siza kanye emva kotyelelo lorhulumente woMzantsi Afrika eSilicon Valley, eMelika. Esi sicwangciso sizakuba likhubalo lokuphucula umgangatho worhulumento, uhanjiso lweenkonzo zikarhulumente, nolwakhiwo lweziseko ezingundoqo eziza kukhuthaza abatyali-mali ukuba bazokwenza ushishino kweli. Ayiso sicwangciso sokuqala ke esi, ngokumayela nophuculo lwecandelo lwenkonzo zikarhulumente kusetyenziswa ubuchwepheshe. Ngo-2017, urhulumente wamkela ze wamilisela ukusetyenziswa kwe-4IR. Abakhi-mkhanyo kwesi sicwangciso bathi urhulumente wamkela imigaqo-nkqubo yamazwe aseNtshona afune ukuyimilisela, engayithatheli ngqalelo imo-ntlalo yeli lizwe. UAmanda Xhala uncoko no-Gqirha Zwelinzima Ndevu...
Njengokuba abathengi belungiselela elona xesha lixakekileyo lonyaka lokuchitha imali, iblack friday, ikomishoni kazwelonke yabathengi ilumkisa ngelithi, abathengi mabaqaphele oozungulichele abajonge ukuthatha ithuba babalahlekise ngokubatyela imali ngale black friday. Kuthanda ukuvama iidilesi za online ezibonakala ngokungathi ziivenkile ezithembekileyo ibe izezomgunyathi, apho abathengi bephela belahlekelwa yimali kuzo. Ukuze sincokole banzi ngoku, emnxebeni sinaye ongumkomishinala kwi komishoni yabathengi kazwelonke, u Pheto Ntaba.....
Inkundla ephakamileyo yephondo iNtshona Koloni igwebe ngecala likamongameli uCyril Ramaphosa, kwisicelo sakhe ebesicela umngeni kwingxelo yegqiza elizimeleyo ebelisebenza ngokwesolotya uSection89. Le ngxelo eyakhutshwa ngonyaka u2022, yafumanisa ubungqina obubambekayo bokuba kusenokwenzeka uRamaphosa waanyhasha umgaqo siseko nomthetho, kulandela ukwebiwa kwemali yamazwe angaphandle kwifama yakhe iPhala Phala. Eli gqiza laphakamisa ukuba iPalamente iqwalasele ukuba ingaba ezi zityholo zisenokubangela ukuba asuswe esikhundleni njengomongameli kusini na.u-Ayabonga Kekana kule ngxelo kaZalene Merrington