
Sign up to save your podcasts
Or


Ukukhula kokurhwebelana kwamazwe ehlabathi apho ukwazi ukufumana iimveliso nakweliphi ilizwe, kuye kufake uxinizelelo kwiimveliso zasekhaya. Oku sikubone kweli loMzantsi Afrika, iinkampani ezimbini ezivelisa amatayala zichatshazelwa kukungathengwa kwamatayala enziwe apha ekhaya, njengoko kuthengwa awenziwa kumazwe afana neChina. Imizi mveliso ekumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, iGood Year ivalwe kunyaka ophelileyo ngelithuba iContinental ixelele abasebenzi bayo ukuba lenkampani iceba ukuvala iingcango nanto leyo ezakuchaphazela abasebenzi abangaphezulu kwamakhulu alithoba (900). Ezinye zezizathu ezibalulwayo ezibangela ukuphela kwemisebenzi, zimveliso ezisuka ngaphandle nezinexabiso elingabizi kakhulu. U-Amanda Xhala uncokole nengcali yezoqoqosho uGqirha Asanda Fotoyi..
Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, ngokubambisana necandelo lezonxibelelwano kurhulumente, inkonzo yesipolisa, ibhunga lezotshutshiso kwisizwe, namaSebe aquka elezobulungisa nelophuhliso lwezentlalontle, phakathi kwamanye, bazakube bebambe umngcelele ngomso kwilokishi iMotherwell kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, kwiphondo iMpuma Koloni. Lo mngcelele, nobanjwa phantsi kwesihloko esithi: "Letsema: Men, Women, Boys and Girls Working Together to End Gender-Based Violence and Femicide (GBVF)," ngelokuphawula ukubaluleka kwentsebenziswano ekuthabatheni uxanduva, nokuthabatha inxaxheba koluntu lonke ekulweni ingxaki yokuxhatshazwa kwabantu ngokwesini, nokubulawa kwamanina, ze kuziswe ukhuseleko kwiindawo esihlala kuzo. Ukuva banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uthethe nesithethi seSebe lamanina, ulutsha nabantu ababandezeleke ngokwamalungu omzimba kwi-ofisi kamongameli, uCassius Selala...
The inaugural council meeting for the Nelson Mandela Bay Metro at Gqeberha in the Eastern Cape, has been adjourned until Friday.The adjournment is to allow some councillors who did not receive the council agenda to have time to adequately prepare for the meeting. Amanda Xhala spoke with our reporter Lubabalo Dada
Uphinde wonyulwa njengosodolophu womasipala ombaxa iBuffalo City eMpuma Koloni, usihlalo weANC kummandla iDr WB Rubusana, uPrincess Faku. Ebezigqatsele esisikhundla kunye nosekela mongameli weUDM, uNqabayomzi Kwankwa, nofumene iivoti ezingamashumi amane anesixhenxe logama uFaku efumene iivoti ezingamashumi amahlanu anesibini. Imibutho evote kunye neANC, yiEFF, iAIC, PA kunye ne PAC. iSACP iye yalahla iANC yema kunye nemibutho ephikisayo kulandela ukungavisisani kwiingxoxo. Ukuhlalutya eziziphumo nalentsebenziswano, uAmanda Xhala uncokole i nomhlalutyi wezopolitiko, ugqirhalwazi Sithenkosi Lungisa...
Isaphokoka imiyalezo yovelwano kulandela ukusweleka kowayesakuba ngusekela-mongameli welizwe loMzantsi Afrika, uGqirhalwazi Phumzile Mlambo-Ngcuka. UMlambo-Ngcuka ube linina lokuqala ukuba ngusekela-mongameli kweli lizwe, nalapho wathi wancedisa ekulungeleni kukarhulumente ukusindleka itumente yendebe yehlabathi ka-2010. Kuthe kamva, wenyulwa nje ngomlawuli-jikelele wecandelo lamanina kwizizwe ezimanyeneyo, apho aye waphambili kumakulinganwe ngokwesini, namalungelo amanina kwihlabathi jikelele. Ukuxoxa banzi ngomqela oshiywa nguMlambo-Ngcuka, emnxebeni sinaye uNjingalwazi Somadoda Fikeni wekomishoni yeenkonzo zakwarhulumente...
Ikomishoni yamalungelo oluntu eMzantsi Afrika, iSAHRC, inike isebe lezemfundo iintsuku ezingamashumi amathandathu ukuba liphendule ngokucacileyo lidakance iindlela elizakukhawulelana ngazo nemingeni ejamelene nezikolo zikarhulumente nezikhankanywe kwingxelo yalekomishoni. Le komishoni iphehlelele ingxelo yayo namhlanje apho ifumanise imingeni enyhasha amalungelo abafundi okufumana imfundo esemgangathweni. Ukuba sive banzi ngekufunyaniswe yilekomishoni, masamkele emnxebeni oyimfunalwazi kwa SAHRC, uThandeka Khoza-Jali...
Usekela-mongameli, uPaul Mashatile, ulumkise ngelithi ubukho bamanzi awoneleyo iya isiba yinto enzima ukufezekiseka. UMashatile ebezimase ngobuxhakaxhaka bonxibelelwano iingxoxo zeziko i-AWSISA Africa and Global South Water and Sanitation Dialogue, nezikunyaka wazo wesibini kulo nyaka, kwiziko leenkomfa i-ICC, eThekwini. Uhlabe ikhwelo kwilizwekazi i-Afrika lokuba lisebenzisane ukuhlangabezana neemingeni ekuqinisekiseni ukubakho ngokwaneleyo kwamanzi kweli lizwekazi. Abaphandi, iinjineli neebhodi zamanzi zamazwe angamashumi amabini anesibini, kulindeleke ukuba zabelane ngezimvo ngendlela olungaphuculwa ngayo ubonelelo lwamanzi, ingakumbi kumazwe ajamelene nonqongophalo lwamanzi. UCelumusa Zulu usiqulunqele le ngxelo...
Umbutho wabasebenza ngesinyithi, iNUMSA, uthi izakwenza kangangoko inako ukuthintela ukulahleka kwamakhulu ezithuba zengqesho kwinkampani enkulu evelisa amatayala, iContinental, kwiphondo iMpuma Koloni. Oku kuza emva kokuba le nkampani ibhengeze ezokuba iceba ukuvala iziko layo eliseGqeberha, iphawula ukungasetyenziswa ngokwaneleyo kwemveliso yayo, ukwanda kokhuphiswano lweemveliso zamatayala asuka kumazwe angaphandle nangaxabisi kakhulu nemalike ecela umngeni kwiimveliso zayo. Oku kuvalwa kwale nkampani kucetywayo kungachaphazela abasebenzi abayi-950. ULubabalo Dada usenzele le ngxelo
Njengokuba siwusonga unyaka sijonge ixesha leziyunguma, uMzantsi Afrika uzakujongana nengxaki yokuselwa kotywala ngokugqithisileyo ingakumbi kubantu abatsha. Kulelixeha leziyunguma apho uninzi lwabemi boMzantsi Afrika bezibona begaxeleka kwizehlo ezifana neengozi zendlela, nobundlobongela obusekelezelwe kwisini ngenxa yeziyobisi notywala. Isebe lophuhliso loluntu kuzwelonke lisungule iphulo elichasene nokusetyenziswa kotywala neziyobisi ngokugqithisileyo, ngenjongo yokuvuselela isidima sabemi beli. Eliphulo likwajolise ekufundiseni, ukuxhobisa nasekukhuseleni amanina nabantwana ngobungozi bokuselwa kotywala. U-Ayabonga Kekana uncokole nothethela isebe lophuhliso loluntu kuzwelonke uLumka Oliphant, kunye nongumlawuli we-Southern African Alcohol Policy Alliance Campaign, uNomcebo Dlamini....
Ingxelo ekhutshwe liziko i-Deskless Pulse, ifumanise ukuba umyinge wamashumi amahlanu ekhulwini kubasebenzi boncedo lokuqala abaphantse babe ngamawaka asibhozo, ekuye kwenziwe uphando kubo, abanayo imali abayigcinileyo yokujongana neemo zikaxakeka. Le ngxelo iqulunqwe yinkampani iJem, neqwalasela ubume bemali, ukuzingca emsebenzini, nezinto ezidala unxunguphalo mihla le kubasebenzi boncedo lokuqala beloMzantsi Afrika, kumacandelo awohlukileyo afana nelentengiso yempahla neenkonzo, icandelo lezokucoca, elokhuseleko nelothutho lwemithwalo. Umseki wesibini wenkampani iJem, nokwaligosa eliyintloko lezabasebenzi uCaroline van der Merwe, uthi ngokophando, aba basebenzi bajamelene noxinizelelo lwemali ngenxa yeemo ezinzima zoqoqosho. U Van der Merwe uthi noko ukuba nemali eselugcinweni kulithamsanqa kwabanye baba basebenzi. ULikho Jack usilungiselele le ngxelo kaNothando Magudulela...