
Sign up to save your podcasts
Or


The country's first Woman Deputy President Phumzile Mlambo-Ngcuka has been described as a distinguished stateswoman, educator and global advocate for women's rights. She died yesterday at the age of 71. Acting President Paul Mashatile confirmed the news in a statement, expressing his shock and sadness over Mlambo-Ngcuka's passing. Mlambo-Ngcuka served as South Africa's Deputy President from 22 June 2005 to 23 September 2008, becoming the first woman to hold the position in the country's history. She later took on a prominent international role as United Nations Under-Secretary-General and Executive Director of UN Women, serving from August 2013 to August 2021.
Njengoko eMzantsi Afrika kwinyanga yeNkanga kubanjwa amaphulo axhobisa ngokubandezeleka ngokwamalungu omzimba, namhlanje kuphicotho ncwadi sijonga incwadi enesihloko sithi, Dignity Through Disability (My ups and down with Cerebral Palys", ebhalwe ngu Thembekile Thulani Gxakwe. UGxakwe yinzalelwane yase Ginsberg eQonce, eMpuma Koloni, kwaye ubandezeleke ngokwamalungu omzimba. Ukuba banzi ngalencwadi, emxebeni sincokola naye
Ikomishoni yamalungelo oluntu iqhuba inkqubo yokuphulaphula izimvo zoluntu ngokwakhiwa kwamaziko anezixhobo zokugcina iinkcukacha ezifumaneka kwi-internet eMzantsi Afrika. Ikomishoni ifumene inkxalabo ngefuthe ezi zakhiwo ezinokuba nalo kokusingqongileyo, kuquka ukusetyenziswa kwamanzi nombane. Amatsha-ntliziyo olondolozo lokusingqongileyo nabanye ababandakanyekayo, bavakalise inkxalabo yokuba ukwakhiwa kwala maziko kumaphondo anemingeni yokuqongophala kwamanzi kunganefuthe elibi kuluntu, bambi bebanga ngelokuba la maziko azakusebenzisa umbane omninzi. Apha enkqubeni sincokole nophuma komnye wemibutho evakalise uluvo kule komishoni, i-Internet Service Providers' Association, uDominic Carl....
Namhlanje sithetha no-Niyathandwa Cekiso, nongumfundi wakwa grade 11 eDe Vos Malan Hoerskool, eQonce ,eMpuma Koloni. uCekiso uzakuthatha italente yakhe yomdlalo webhola yomnyazi ayise kwinqaba lamazwe ngamazwe. Le ntwazana eneminyaka elishumi elinesixhenxe wachongwa ngethuba lokhenketho lwezemidlalo lwesikolo sakhe eMargate, Kwa Zulu Natal ekuqaleni kwalonyaka. Uzakumela iqela iStorm Blue kukhuphiswano lwe Emirates Dubai Sevens Tournament , eDubai, noluqala nge 27 kuNovember ukuyakutsho nge29 kaNovember. U-Amanda Xhala uncokole naye uNiyathandwa Cekiso...
Urhulumente kazwelonke uthi sele behlabele mgama ekuphuculeni idabi elinxamnye nodushe olusekelezelwe kwisini. Oku kulandela iingxelo zokuba liphucukile iqondo lokubanjwa kwabo babandakanyeka kumatyala odushe olusekelezelwe kwisini. Nangona kunjalo, ngexa kuphehlelelwa iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu ezichasene nokuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana eMiddleburg kwiphondo iMpumalanga, umphathiswa wezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko, uMmamoloko Kubayi, uthe kusekuninzi ekusafuneka kwenziwe, nanjengoko aya esanda amanani amatyala amatsha neziganeko ezingqamene nokuxhatshazwa ngokwesini. UMthobisi Mkhaliphi ubelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo...
Ngabantwana abangamawaka amathandathu abahlangene kwibala lezemidlalo iFaure ePaarl kwiphondo iNtshona Koloni, ngelokuphawula usuku lwehlabathi olunika ingqwalasela kubantwana, iWorld Children's Day ngolwasemzini, nanjengoko umbutho ongekho phantsi korhulumente obizwa i-Outside the Bowl Afica, ubhiyozela iminyaka elishumi uqubisana nendlala kubantwana. Lo msitho nobubanjelwe kumasipala iDrakenstein, uhlanganisene ndaweninye abantwana abaphuma ePaarl, eMbekweni, eWellington, eFranschoek nakwimimandla engqongileyo, ngelokubonwabisa ngokutya, ulonwabo nemidlalo. UYonda Magubudela uza nengxelo...
UMzantsi Afrika ubone ukwehla kwamanani eziganeko zolwaphulomthetho olunobuzaza, naquka awokubulala, awokuqweqwediswa kwezithuthi nezigadla, nokuphangwa kwamashishini namakhaya. Nangona kunjalo, bangaphaya kwamawaka amahlanu abantu abaye babulawa phakathi kweyeSilimela neyoMsintsi (July to September) kulo nyaka, kwaye amapolisa alumkisa ngelithi amaqondo olwaphulomthetho olundlongo-ndlongo asephezulu kakhulu. Ingxwaba-ngxwaba, imbhambhano nokuxhokonxa, isengoonobangela abaphambili bokubulawa nokuhlaselwa kwabantu. Ekhupha iinkcukacha-manani zekota yesibini yonyakamali ka-2026/2027 ePitoli, amapolisa aphawule ulwaphulomthetho olucetyiweyo, imipu engekho mthethweni, ukuselwa ngokugqithisileyo kotywala nodushe olusekelezelwe kwisini, yeminye yemingeni emandla kweli. ULuyanda Danca usiqulunqele le ngxelo...
U-Amanda Xhala uncokoke nothethela iLegal Aid SA, uPateka Quwe, nonikeza iimpendulo ngezikhalazo zabasebenzi bakwa Legal Aid. Masikwamkele sikubulise enkqubeni...
Zisaxingile iingxoxo phakathi kombutho wamagqwetha iSouth African Lawyers and Allied Workers Union (SALAWU), nebhodi ye-Legal Aid South Africa. ILegal Aid South Africa inikezela ngeengcebiso zomthetho ikwanikezela ngenkonzo zomthetho kubantu abangathathi ntweni . Zizithuba ezingaphezulu kwamakhulu amathathu ekuvakala ukuba zashiywa ngabasebenzi abathatha umhlala phantsi abanye baziyekela, ezingekavalwa. Ingxelo zithi ngoCanzibe kulonyaka uLegal Aid waxelela ipalamente ukuba ukuphungulwa kolwabiwo mali olungange 261-million randi, kwabangela ukuba kuthathwe izigqibo eziqatha nezachaphazela abasebenzi. U-Amanda Xhala uncokole nophuma kwimanyano yabasebenzi i-SALAWU, uSiya Hanise...
Iziko lengxowa-mali yehlabathi nelikwaphonononga imigaqo-nkqubo yamazwe yohlumo nozinzo loqoqosho, i-International Monetary Fund (IMF), lilumkisa ngokuba ukuxhoma ngokwedlulisa kwexabiso lemveliso yamandla ombane nomdla okhulayo wokusetyenziswa kobuchwepheshe bezinga eliphezulu nobusebenz'okwengqondo yomntu, i-AI, zinefuthe elichaphazela ukwenyuka kweqondo lexabiso lentengo kwihlabathi, layakuma kumyinge ka-4-point-seven ekhulwini. I-IMF imemelela ukuba amazwe mawaqinise imigaqo-nkqubo yolawulo lokusetyenziswa kwemali ukwehlisa uxinzelelo oluzakuvakala kubathengi. Emnxebeni sinaye oyingcali kuqoqosho nakwimiba yorhwebo kwihlabathi, uGqirha Mzwanele Ntshwanti...