trufm Current Affairs

05 01 2025 NEWS REVIEW


Listen Later

Nanjengoko sele lisemnyango ixesha lokuvulwa kwezikolo kunyaka u 2025, isebe lezemfundo esisiseko kwiphondo leMpuma Koloni kulindeleke ukuba liqhube umsebenzi wokuphendla ukukulungela kwezikolo ukufunda nokufundisa, nalapho ngokwesiqhelo lisithi ekuqaleni konyaka ngamnye linikezele inkxaso edingwa zizikolo, liqaphela nemingeni engathi ibenefuthe elibi kwinkqubo yokufunda nokufundisa. Ukanti mkhulu umqela osele uhanjiwe eminyakeni ukuqinisekisa ukuba zonke izikolo zikulungele ukufunda nokufundisa zisuka nje ngosuku lokuqala zivulwa izikolo. Ukanti ke akubi njalo kuzo zonke izikolo ingakumbi ezo zisemaphandleni nasezilokishini ngenxa yeengxaki ezahlukileyo nesizakuthi sizishukuxe kule nkqubo. Ukusincedisa ukuxovula ukulungela kokuvulwa kwezikolo ephondweni-emnxebeni ngoku sinaye usekela mlawuli ekwangumanejala weenkqubo zezikolo kwiphondo leMpuma Koloni u Thembani Mtyida....

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News