trufm Current Affairs

09 12 2024 EC CORRUPTION LIVE


Listen Later

Urhulumente wase Mpuma Koloni namhlanje uqaphela usuku oluchasene nobuqhophololo. Lo msitho nobanjelwe kwilokishi yaKwaZakhele eGqeberha kumasipala ombaxa iNelson Mandela kulo nyaka, uphawula inyathelo elibalulekileyo lokwazisa nokuba kukhuthazwe abantu ukuba babuchase ubuqhophololo. Iphondo lidize ukuba urhulumente ukwazile ukucutha izenzo zobuqhophololo obenziwa ngabasebenzi baseburhulumenteni kule minyaka mine igqithileyo, susela ukusungulwa kwamaphulo ezicwangciso zokuthintela nokulwa ubuqhophololo norhwaphilizo( i-Provincial Anti-Corruption Action Plan ne- Provincial Fraud Prevention Plan). Ukusabela banzi ngalo msitho, emnxebeni ngoku sinaye othethela urhulumente wephondo leMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie...

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News