trufm Current Affairs

12 01 2025 NEWS REVIEW JAN 8


Listen Later

Iqela i ANC kufuneka lizihlaziye lona ngokunokwalo ngaphakathi okanye lijongane nomngcipheko wokutshabalala. La ngamazwi omongameli weli qela uCyril Ramaphosa xeshikweni ewisa intetho yekomiti yesigqeba esiphezulu - i January 8 statement kumabala i Mandela Park eKhayelitsha eKapa izolo. Lo msitho nobanjwa rhoqo ngonyaka, uza kanye xa eli qela liphulukene neevoti kunyulo jikelele lwanyakenye okokuqala kwiminyaka engamashumi amathathu. Ukanti uRamaphosa ukholelwa ukuba i ANC ingazibuyisa ezi voti ngokuthi izibhence kwakunye nomanyano. Uvule intetho yakhe ngokukhwel'ezehlela kwiqela i Democratic Alliance nelilihlakani layo kurhulumente wobumbano lwesizwe nelilawulayo kwiphondo leNtshona Koloni, esithi abantu baseNtshona Koloni bayaqhubeka nokujongana nentswela ngqesho, intlupheko nokungalingani, miba leyo iqandusela ulwaphulo mthetho, udushe, impatho mbi yamanina, ukusetyenziswa kweziyobisi ngokugqithisileyo neminye imiba. Ukungena nzulu kule ntetho yomongameli we ANC uCyril Ramaphosa, emnxebeni ngoku sinalo ilungu lesigqeba esiphezulu kwi ANC uStella Ndabeni Abrahams ngokunjalo nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News