trufm Current Affairs

17 11 2024 NEWS REVIEW-SPAZA SHOPS


Listen Later

Urhulumente woMzantsi Afrika ude walisabela ikhwelo lokuba uthathe amanyathelo ngakwiivenkile zasekuhlaleni ezingayithobeliyo imithetho yeli nemiqathango emayela nokuthengisa ukutya okufanelekileyo ukuba kungatyiwa ngabantu. Ngokuhlwa kwangoLwesihlanu kwiveki esiyishiyayo umongameli uCyril Ramaphosa uthethe nesizwe ngamanyathelo azakuthathwa ukuqubisana nokufunquka kwamanani abantu abathi bagule bambi besweleka ngenxa yokutya ukutya okutyhefekileyo. Kwezi nyanga zidlulileyo abantwana abaselula bathe bangamaxhoba okutya izimuncu-muncu ezingekho mpilweni nto leyo ikhokhelele ekubhubheni kwabangamashumi amabini anesibini ze kwaqhambuka neentshukumo zoqhankqalazo kwezinye iindawo. Eiminye yale miqathango ibhengezwe ngumongameli kukuba ezi venkile zibhalise koomaspala kwisithuba seentsuku ezingamashumi amabini ananye kwaye zizakuvalwa iivenkile ezifunyaniswa zingayithobeli imiqathango yezempilo. Ukusincedisa kule ncoko yethu namhlanje emnxebeni sinaye unobhala wecandelo lezophuliso lwamashishini kumbutho i South African Spaza and Tuckshop Association u Sibusiso Ngcobo... 

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News