
Sign up to save your podcasts
Or


Isebe lezolimo, lize nephulo elitsha lokuphakamisa uhlumo lwezoqoqosho lwephondo iMpuma Koloni, ngokuthi luncede amafama asakhasayo. Eliphulo liza emva kokuba inkulubaphathiswa yephondo u Oscar Mabuyane ityelele ilizwe i United Arab Emirates, nalapho yenza isivumelwano sokuthumela inyama esuka apha ephondweni kwelalizwe. Ikomiti emele elisebe epalamente, iye yanikwa uxanduva lokukhangela indawo ezakulungela ukuthatha oluxanduva yaze yabona indawo yokuxhela ese Ngqushwa, nezakuthwala iinkomo ezingamawaka alishumi. Leprojekti izakudala amathuba engqesho kubantu beliphondo abalikhulu linamashumi amahlanu. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sithe masikrwece ongusihlalo wekomiti ejongene nesebe lezolimo epalamente ugqirha Fundile Bese....
By SABC NewsIsebe lezolimo, lize nephulo elitsha lokuphakamisa uhlumo lwezoqoqosho lwephondo iMpuma Koloni, ngokuthi luncede amafama asakhasayo. Eliphulo liza emva kokuba inkulubaphathiswa yephondo u Oscar Mabuyane ityelele ilizwe i United Arab Emirates, nalapho yenza isivumelwano sokuthumela inyama esuka apha ephondweni kwelalizwe. Ikomiti emele elisebe epalamente, iye yanikwa uxanduva lokukhangela indawo ezakulungela ukuthatha oluxanduva yaze yabona indawo yokuxhela ese Ngqushwa, nezakuthwala iinkomo ezingamawaka alishumi. Leprojekti izakudala amathuba engqesho kubantu beliphondo abalikhulu linamashumi amahlanu. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sithe masikrwece ongusihlalo wekomiti ejongene nesebe lezolimo epalamente ugqirha Fundile Bese....