
Sign up to save your podcasts
Or


Njengenxalenye yokuzinikela kwethu ekuqinisekiseni ukuba ulutsha, abantu abafuna umsebenzi, nabafundi ubomi babo bonke benza ukhetho olufanelekileyo,. Kwesi isiqendu, sijonga: ukucwangcisa ikhondo lomsebenzi njengelinye lawona manyathelo abalulekileyo abantu abatsha abanokuwathatha ukubumba ikamva labo.
Umxholo: Faka isicelo ngoku!! Ngomnyaka ka 2012 Isebe LezeMfundo eliphakamileyo noqeqesho lasungula inkqubo ejonge ukukhuthaza abafundi ingakumbi abo bakumabanga aphezulu ukuba bazifake ngethuba izicelo zokufunda khon'ukuze bangazifumani kwimityangampo yemigca yabo bakhangela izithuba zemfundo ebakho qho xa kuqala unyaka wezifundo. Kwakuyo le nkqubo undwendwe lwethu oluphuma kwiSebe leMfundo ePhakamileyo NoQeqesho luye lwabelana ngolwazi malunga namakhondo abafundi abanokuwaKhetha!
UHlahlo-lwabiwo-mali lweSizwe luka 2026, olunikezelwe nguMphathiswa u-Enoch Godongwana, lufike kwixesha elinzima kuMzantsi Afrika, nalapho kuhlenga-hlengiswa amatyala amadala aqikelelwa kwi-78.9% ye-GDP ngokuchasene neemfuno ezicinezelayo zoluntu olutsala nzima. Ngelixa uNondyebo / Treasury ebhiyozela intshiyekela yohlahlo lwabiwo-mali oluphambili kunye ne inflation yerhafu enxulumene nokunyuka kwamaxabiso kubantu, uluntu-kuquka undwendwe lwethu uLiso Mdutyana ovela kwiZiko lezoQoqosho (Institute for Economic Justice) baxoxa ukuba uhlahlo lwabiwo-mali lugcina "imeko ekhoyo" yobungqongqo, kunye nenkcitho yokwenyani ngomntu ngamnye ekuqikelelwa ukuba iyakwehla.
Umbuzo wosuku: Njengoko sicalula iimpembelelo zokukhula koqoqosho kunye neenkonzo zoluntu, siyabuza: ingaba olu hlahlo-lwabiwo-mali lubonelela ngenene indlela eya kuhlumo olunenguqu, okanye ingaba lubashiya ngasemva abona bantu babuthathaka belizwe?
UMHLOBO WENENE FM DHET 21 JANUARY 2025 Understanding your Matric results SEASON 5 EP1
From the publisher's feed