trufm Current Affairs

INITIATION TRAINING


Listen Later

Urhulumente wephondo i Mpuma Koloni kunye neenkokheli zemveli, usungule iphulo elizakuqeqesha iingcibi namakhankatha abantwana abasesuthwini. Isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente lithi oluqeqesho luzakuquka nongenelelo lwezempilo kwelisiko lolwaluko. Oku kwenziwa nangoko elisiko lijamelene nemingeni efana nokungakhathalelwa kwabantwana, impatho mbi, ukunxanwa nokubethwa kwabantwana phakathi kweminye, neye maxa wambi ikhokelele ekubhubheni kwabakhwetha. Oluqeqesho luzakugxila kwiindlela zokugcina abantwana besempilweni ngalo lonke ixesha besehlathini. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela isebe u Phello Olifant

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News