Share Inyathi Ibuzwa Kwabaphambili
Share to email
Share to Facebook
Share to X
Kwesi siqendu sokuqala sipicota imiba engolwazi oluqulathwe kwilwimi nakwiimbali zethu. Sithetha ngentsingiselo kunye nengqiqo alele kula magama: iNtwaso kunye neNkenkqe. Ziqwalasela nzulu ukuba la magama athetha ukuthini kuthi nakwimisebenzi esiyithabathayo ebomini. Ezona ndawo sicangcatha kuzo ngezi: kuthethwa ukuthini xa kuthiwa umntu unenkenkqe? Ingaba unganayo inkenkqe ube ungathwaseli bugqirha? Ukuthwasa kona kuthetha ukuthini? Kukuvuma ukufa ngengulo emhlophe? Okanye Ikhona enye intsingiselo? Lunjani uxanduva oluthwalwa ngumntu ovume intwaso? Kwesi siqendu ke sipicotha le ntsind’abadala nomakhwekhwetha wemvumi nombhali womculo womgqungqo iJazz, uDumza Maswana.
The podcast currently has 1 episodes available.