
Sign up to save your podcasts
Or


Olibambela-ngqonyela kwi-arhente ejongene nezibonelelo zezentlalontle, i-SASSA, uThemba Matlou, uthi bangaphaya kwesiqingatha kubantu abayi 2-point-9 yezigidi abafumana isibonelelo sabo sezentlalontle kwibhanka yePosi, ekusadingeka benze amakhadi amatsha. Oku kwenzeka ngelixa kushiyeke isithuba esingaphantsi kweveki ngaphambi kokufika kwexesha elisikelwe ukuba babe kanti sele bewenzile la makhadi matsha, mhla lowo ungowamashumi amabini kule nyanga. Kwiseshoni yokunikezela ngeenkcukacha ebibanjwe eKapa ngokuhlwa kwangoLwesine, le arhente ithe iyancedisana nePost Bank kule nyewe. Iqinisekisile ukuba abaxhamli bezibonelelo zezentlalontle abazukushiywa enyanyeni ukuba kwenzekile bangakwazi ukuguqulela kula makhadi matsha ngaphambi kwalo mhla usikiweyo. UMlamli Maneli uza nengxelo...
By SABC NewsOlibambela-ngqonyela kwi-arhente ejongene nezibonelelo zezentlalontle, i-SASSA, uThemba Matlou, uthi bangaphaya kwesiqingatha kubantu abayi 2-point-9 yezigidi abafumana isibonelelo sabo sezentlalontle kwibhanka yePosi, ekusadingeka benze amakhadi amatsha. Oku kwenzeka ngelixa kushiyeke isithuba esingaphantsi kweveki ngaphambi kokufika kwexesha elisikelwe ukuba babe kanti sele bewenzile la makhadi matsha, mhla lowo ungowamashumi amabini kule nyanga. Kwiseshoni yokunikezela ngeenkcukacha ebibanjwe eKapa ngokuhlwa kwangoLwesine, le arhente ithe iyancedisana nePost Bank kule nyewe. Iqinisekisile ukuba abaxhamli bezibonelelo zezentlalontle abazukushiywa enyanyeni ukuba kwenzekile bangakwazi ukuguqulela kula makhadi matsha ngaphambi kwalo mhla usikiweyo. UMlamli Maneli uza nengxelo...