
Sign up to save your podcasts
Or


Iziganeko zolwaphulo-mthetho ezohlukileyo ezibone abaninzi babophulimthetho bedlwengula, babulale, ze batshise amaxhoba, zivuselele ingxoxo ngokuphononongwa kwendlela abacinga ngayo oonqevu, neyenza ukuba bafikelele kwesi sigqibo sobundlobongela. Ingaba sisigulo okanye liqhinga lokulahla umkhondo kwimikhuba yabo? Oku kulandela isiganeko sakutsha nje, sokufunyanwa komzimba otshisiweyo wentombi eneminyaka elishumi elinesibini ubudala yaseMotherwell, eGqeberha, uLithaliyanda Ntoni. Ukanti kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, kwilokishi yakwaNobuhle, eKariega, kwafunyanwa imizimba yamantombazana amabini kwihlathana, ebulelwe futhi etshisiwe. Esinye isiganeko esothusayo, sesika-Uyinene Mrwetyana ngo-2019, nowadlwengulwa, wabulalwa, ze watshiswa umzimba wakhe eKapa. Ukanti ngo-2019, uKarabo Mokoena naye wabulalwa liqabane lakhe, ze lawuntumeka ngomlilo umzimba wakhe. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwimiba yolwaphulo-mthetho, uGqirha Thompho Tshivhase…
By SABC NewsIziganeko zolwaphulo-mthetho ezohlukileyo ezibone abaninzi babophulimthetho bedlwengula, babulale, ze batshise amaxhoba, zivuselele ingxoxo ngokuphononongwa kwendlela abacinga ngayo oonqevu, neyenza ukuba bafikelele kwesi sigqibo sobundlobongela. Ingaba sisigulo okanye liqhinga lokulahla umkhondo kwimikhuba yabo? Oku kulandela isiganeko sakutsha nje, sokufunyanwa komzimba otshisiweyo wentombi eneminyaka elishumi elinesibini ubudala yaseMotherwell, eGqeberha, uLithaliyanda Ntoni. Ukanti kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, kwilokishi yakwaNobuhle, eKariega, kwafunyanwa imizimba yamantombazana amabini kwihlathana, ebulelwe futhi etshisiwe. Esinye isiganeko esothusayo, sesika-Uyinene Mrwetyana ngo-2019, nowadlwengulwa, wabulalwa, ze watshiswa umzimba wakhe eKapa. Ukanti ngo-2019, uKarabo Mokoena naye wabulalwa liqabane lakhe, ze lawuntumeka ngomlilo umzimba wakhe. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwimiba yolwaphulo-mthetho, uGqirha Thompho Tshivhase…