trufm Current Affairs

NEWS REVIEW- Budget analysis


Listen Later

Inyanga YoKwindla yinyanga yokuqongqotha unyaka-mali kurhulumente, ze inyanga ka-Tshazimpuzi ibeyeyokuqala kunyaka-mali omtsha. Oku kuthetha ukuba urhulumente uqala ngokutsha ukusebenzisa uvimba ukusa iinkonzo eluntwini, nokuqhuba neenkqubo zikarhulumente. Kwiveki ezimbini ezidlulileyo, uMphathiswa wesebe lemali uEnoch Godongwana, uye wabela amasebe karhulumente kuquka namaqumrhu uhlahlo mali kwindlu yowiso-mthetho, ukulungiselela unyaka mali ka 2025/26. Kolu hlalo-lwabiwo mali, uGodongwana uye wabhengeza ukonyuswa kwerhafu yentengo i-VAT ngePesenti enye kwisithuba seminyaka emibini ezayo. Yinto ke le ekhatywayo yimibutho eliqela ePalamente, kwaye igrogrise ngokuba izakuluchasa olu hlalo lwabiwo-mali, xa kufuneka luvotelwe ePalamente. Ukuhlalutya uhlalo lwabiwo-mali ngokwabiwa kumasebe nakumacandelo ahlukeneyo, emnxebeni sinayo ingcali kwimiba yorhulumento nephuma kwiziko-mfundo iWits, uSandile Swana…

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News