trufm Current Affairs

NEWS REVIEW - Disability inclusivity


Listen Later

NgeyoMnga kunyaka ka-2014, owayesakuba ngumphathiswa wezemfundo, uAngie Motshekga, wapasisa umgaqo-nkqubo ogxile ekuhloleni, ekuphawuleni, ekuvavanyeni nasekuxhaseni abafundi bonke beloMzantsi Afrika. Iinjongo zoku ikukuqinisekisa ukuba bonke abantwana abakwiminyaka yokuhamba isikolo, nabahlangabezana nemingeni ekubeni bakwazi ukufunda, kuquka abo baphila nokhubazeko, bakwazi ukufikelela kwimfundo ebandakanyayo, esemgangathweni, esimahla, nelinganayo kumabanga abasaqalayo ukuya kumabanga aphakamileyo. Lo mgaqo-nkqubo ukwajoliswe ekuqinisekiseni umakulinganwe kumanyathelo okuphawula, okuvavanya nawokunikezela ngeenkqubo kubo bonke abafundi abadinga inkxaso eyongezelelweyo, ngeenzame zokuphuhlisa intatho-nxaxheba yabo, kwa nokuqukwa kwabo esikolweni, nalapha ootitshala nabazali ingabo ekufanele bephale phambili kwezi nkqubo zokuxhaswa kwabafundi. Ayabonga Kekana uncokola noyi-Inclusive Education Deputy Chief Education Specialist kwiSebe lezemfundo kwiMpuma Koloni, uMafuza Mtshengu…

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News