
Sign up to save your podcasts
Or


Sele eqalile amakhwenkwe ukuya esuthwini kwimimandla eyahlukileyo yephondo iMpuma Koloni. Unyaka nonyaka, abo bakhokelayo kwisiko lolwaluko balungisa kangangoko, ngelokuqinisekisa ukuba eli siko lihamba ngendlela kwaye amakhwenkwe aya ephila esikweni, abuye esaphila. Noko kunjalo, nangona zikhona ezi nzame, amakhwenkwe asaqhuba ephulukana nobomi okanye nobudoda bawo ngenxa yokuba enomnqweno wokuba ngamadoda. Kwinkqubo-ndaba yakho namhlanje sithe makhe sishukuxe lo mba, khe sijonge nokungenziwa ukulondoloza ubomi bamakhwenkwe eli lizwe, nalikamva leli. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uYolanda Kambile ubambe usihlalo wekomiti eququzelela ulwaluko kwiphondo iMpuma Koloni, uNkosi Gwazinamba Matanzima. Ukanti kamva sizakubanaye nomlawuli wombutho ojongene nokuqinisekisa ukuziphatha kwamakhwenkwe namadoda, iPhila Ndoda, uBishop Zolile Dayimani....
By SABC NewsSele eqalile amakhwenkwe ukuya esuthwini kwimimandla eyahlukileyo yephondo iMpuma Koloni. Unyaka nonyaka, abo bakhokelayo kwisiko lolwaluko balungisa kangangoko, ngelokuqinisekisa ukuba eli siko lihamba ngendlela kwaye amakhwenkwe aya ephila esikweni, abuye esaphila. Noko kunjalo, nangona zikhona ezi nzame, amakhwenkwe asaqhuba ephulukana nobomi okanye nobudoda bawo ngenxa yokuba enomnqweno wokuba ngamadoda. Kwinkqubo-ndaba yakho namhlanje sithe makhe sishukuxe lo mba, khe sijonge nokungenziwa ukulondoloza ubomi bamakhwenkwe eli lizwe, nalikamva leli. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uYolanda Kambile ubambe usihlalo wekomiti eququzelela ulwaluko kwiphondo iMpuma Koloni, uNkosi Gwazinamba Matanzima. Ukanti kamva sizakubanaye nomlawuli wombutho ojongene nokuqinisekisa ukuziphatha kwamakhwenkwe namadoda, iPhila Ndoda, uBishop Zolile Dayimani....