trufm Current Affairs

News Review-GNU


Listen Later

Emva konyulo lukazwelonke nolwamaphondo kunyaka odlulileyo, zange kubekho mbutho uphumelela unyulo ngesininzi. Nto leyo eyanyanzelisa ukuba kusekwe urhulumente wentsebenziswano ngokwemibutho eyohlukileyo esePalamente. Kwimibutho elishumi elinesibhozo ekwindlu yowiso-mthetho, ilishumi eyathi yadibana ukuseka “urhulumente wobumbano” okanye i-Government of National Unity. Lo rhulumente wasekwa nge-14 ku-June wonyaka odlulileyo. Emva kokubunjwa kwalo rhulumente, eyona nto iphambili le mibutho eyazibophelela kuyo, kukudalwa kwemisebenzi, uhlumo loqoqosho, nokulwa indlala. Kwisithuba sonyaka sithe masijonge ukuba lo rhulumente usebenza njani? Ingaba usacangcatha kwizinto obuzibophelele kuzo? Masiphendule le mibuzo neminye nanjengoko emnxebeni sinabo abahlalutya imiba yezopolitiko norhulumento. Sinayo ingcali yezorhulumento, uGqirha uZwelinzima Ndevu kunye nomhlalutyi wezopolitiko uHlumelo Xaba…

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News