
Sign up to save your podcasts
Or


Utyalo-mali olumandla kuphuhliso lweziseko ezingundoqo, nokuphuculwa korhulumento koomasipala, kubonwa njengezinye zezisombululo kuhlumlo loqoqosho loMzantsi Afrika. Oku kuphakanyiswe ngumphathiswa wesebe lemali, uEnoch Godongwana ngethuba esithi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lombindi wonyaka ngoLwesithathu wale veki siyiqukumbelayo. UGodongwana uvakalise isidingo senkxaso koomasipala, nanjengorhulumente osondeleyo kuluNtu namashishini ekuseni iinkonzo ezingundoqo nokuqinisekisa ukuba intle imo yokudalwa kwemisebenzi. Bangamakhulu mabini anamashumi amahlanu nesixhenxe (257) oomasipala abakhoyo eMzantsi Afrika, kuquka abambaxa abasibhozo, abangamashumi amane anesine (44) besithili, kunye nabangamakhulu amabini anesihlanu abangqongwe ngamaphandle. Aba masipala bajamelene nemingeni eli qela, ekuquka ulawulo oluheshe-heshe, ubungonkeli bezopolitiko obungazinzanga, ukufeda ukuqokelela ingeniso yerhafu yeenkonzo, kunye norhwaphilizo. Ingaba ooMasipala banako ukuba sisiseko sohlumo loqoqosho kweli ngokupheleleyo? Kufuneka kwenziwe ntoni ukuqinisekisa oku ukuba kuyimpumelelo? Le yeminye yemibuzo esifuna impendulo kuyo. Ukusincedisa koku, emnxebeni sinayo umhlalutyi kwimiba yopolitiko noqoqosho, uSandile Swana…
By SABC NewsUtyalo-mali olumandla kuphuhliso lweziseko ezingundoqo, nokuphuculwa korhulumento koomasipala, kubonwa njengezinye zezisombululo kuhlumlo loqoqosho loMzantsi Afrika. Oku kuphakanyiswe ngumphathiswa wesebe lemali, uEnoch Godongwana ngethuba esithi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lombindi wonyaka ngoLwesithathu wale veki siyiqukumbelayo. UGodongwana uvakalise isidingo senkxaso koomasipala, nanjengorhulumente osondeleyo kuluNtu namashishini ekuseni iinkonzo ezingundoqo nokuqinisekisa ukuba intle imo yokudalwa kwemisebenzi. Bangamakhulu mabini anamashumi amahlanu nesixhenxe (257) oomasipala abakhoyo eMzantsi Afrika, kuquka abambaxa abasibhozo, abangamashumi amane anesine (44) besithili, kunye nabangamakhulu amabini anesihlanu abangqongwe ngamaphandle. Aba masipala bajamelene nemingeni eli qela, ekuquka ulawulo oluheshe-heshe, ubungonkeli bezopolitiko obungazinzanga, ukufeda ukuqokelela ingeniso yerhafu yeenkonzo, kunye norhwaphilizo. Ingaba ooMasipala banako ukuba sisiseko sohlumo loqoqosho kweli ngokupheleleyo? Kufuneka kwenziwe ntoni ukuqinisekisa oku ukuba kuyimpumelelo? Le yeminye yemibuzo esifuna impendulo kuyo. Ukusincedisa koku, emnxebeni sinayo umhlalutyi kwimiba yopolitiko noqoqosho, uSandile Swana…