Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto. Bahamba ke nam, naba bazalwana bobathandathu; sangena endlwini yendoda leyo; yasibikela kananjalo ukubona kwayo isithunywa sezulu endlwini yayo, esemayo sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros, oya kuthetha kuwe amazwi, owosindiswa ngawo wena, nayo yonke indlu yakho. Ke kaloku, ekuqaleni kwam ukuthetha, uMoya oyiNgcwele wabawèla, njengoko wasiwelayo nathi ekuqaleni.