
Sign up to save your podcasts
Or


Nangona i-SACP uzakuphinda ubenentlanganiso ne-ANC, ukushukuxa isigqibo samakomanisi sokungenela unyulo loomasipala lwango-2026 uzimele geqe, unobhala jikelele wamakomanisi uSolly Mapaila uthi bona bengulo mbutho basamile kwisigqibo sabo. UMapaila ukuthethe oku ngethuba enikeza ingxelo ngemo yombutho kwinkongolo ekhethekileyo, neqhubayo sithetha nje eBoksburg kwiMpuma yeRhawuti. UMapaila, ukwathi oku kukumiliselwa kwesindululo esathathwa kinkomfa yalo mbutho ngo-2022, emva kokuba bephoxwe zizigqibo ze-ANC kubudlelane abanalo. Iinkokheli ezisuka kwi-ANC, iCOSATU, kunye ne-SANCO, neyimibutho ebambisene ngoqhogwano lolawulo, iyinxalenye yale nkomfa intsuku ne. Abanye abantu abakudidi oluphezulu abazimase le nkomfa kuquka lowo wayengumongameli we-ANC uThabo Mbeki, umninawa wakhe uMoeletsi Mbeki, kunye nosomashishini uPatrice Motsepe. Ingxelo kaNtebo Mokobo siyilungiselelwe nguVuyo Mabeqa…
By SABC NewsNangona i-SACP uzakuphinda ubenentlanganiso ne-ANC, ukushukuxa isigqibo samakomanisi sokungenela unyulo loomasipala lwango-2026 uzimele geqe, unobhala jikelele wamakomanisi uSolly Mapaila uthi bona bengulo mbutho basamile kwisigqibo sabo. UMapaila ukuthethe oku ngethuba enikeza ingxelo ngemo yombutho kwinkongolo ekhethekileyo, neqhubayo sithetha nje eBoksburg kwiMpuma yeRhawuti. UMapaila, ukwathi oku kukumiliselwa kwesindululo esathathwa kinkomfa yalo mbutho ngo-2022, emva kokuba bephoxwe zizigqibo ze-ANC kubudlelane abanalo. Iinkokheli ezisuka kwi-ANC, iCOSATU, kunye ne-SANCO, neyimibutho ebambisene ngoqhogwano lolawulo, iyinxalenye yale nkomfa intsuku ne. Abanye abantu abakudidi oluphezulu abazimase le nkomfa kuquka lowo wayengumongameli we-ANC uThabo Mbeki, umninawa wakhe uMoeletsi Mbeki, kunye nosomashishini uPatrice Motsepe. Ingxelo kaNtebo Mokobo siyilungiselelwe nguVuyo Mabeqa…