trufm Current Affairs

SARS to come down on non tax paying influencers


Listen Later

Abenkonzo yerhafu yoMzantsi Afrika (SARS), bamemelela ukuba balungise imicimbi yabo yerhafu bonke abo bazibiza okanye baziwa njengoOsaziwayo kumaqonga onxibelelwano (influencers), nanjengoko u SARS ephengulula ingeniso eyenziwa ngobuchwepheshe be online, nethi ingachazwa kule nkonzo.  U SARS  ukwiphulo lokuqokelela imali engange R513 billion kwirhafu engahlawulwanga, kwaye uzimisele ukufika kumda owamiselwa ngumphathiswa wezimali wokuqokelela ngapha kweebhiliyoni eziliwaka namakhulu asibhozo eerandi, kunyaka mali u 2024/25. Uninzi lwezi influencers azinalwazi lokuba kumele zihlawule irhafu ngomsebenzi eziwenza online, kwaye zikhangeleka zisadinga ukufundiswa. Ayabonga Kekana uncokola noyigcali kwezoqoqosho ugqirha Asanda Fotoyi.

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News