
Sign up to save your podcasts
Or


Kurhaneleka ukuba kukho iqela labantu abangabasebenzi kwiArhente yezibonelelo zikarhulumente uSASSA, neliqhuba izenzo zobuqhophololo kule arhente. Ingxelo ithi, umanejala ophezulu kwi ofisi ekwilokishi yase Zwide unqunyanyisiwe, emva kwezityholo zokuba akakhange alibeke emsebenzini iminyaka emibini. Ukanti amatyala abanye abasebenzi abarhanelwa ngezenzo zobuqhophololo adluliselwe kumaziko aphanda izenzo zolwaphulo mthetho, kule arhente iphantsi kophando. Kusenjalo, abakwa SASSA bakhuphe isilumkiso kwabo banqwenela ukufaka izicelo zesibonelelo sokufumana imali eyi 350 Rand ukuba basebenzise ii Websites ezifanelekileyo ukufaka izicelo, kuba kukho nezo zizezomgunyathi. Ukuva banzi ngale miba, emnxebeni ngoku sinaye umphathi ophezulu kwa SASSA u Bandile Maqethuka...
By SABC NewsKurhaneleka ukuba kukho iqela labantu abangabasebenzi kwiArhente yezibonelelo zikarhulumente uSASSA, neliqhuba izenzo zobuqhophololo kule arhente. Ingxelo ithi, umanejala ophezulu kwi ofisi ekwilokishi yase Zwide unqunyanyisiwe, emva kwezityholo zokuba akakhange alibeke emsebenzini iminyaka emibini. Ukanti amatyala abanye abasebenzi abarhanelwa ngezenzo zobuqhophololo adluliselwe kumaziko aphanda izenzo zolwaphulo mthetho, kule arhente iphantsi kophando. Kusenjalo, abakwa SASSA bakhuphe isilumkiso kwabo banqwenela ukufaka izicelo zesibonelelo sokufumana imali eyi 350 Rand ukuba basebenzise ii Websites ezifanelekileyo ukufaka izicelo, kuba kukho nezo zizezomgunyathi. Ukuva banzi ngale miba, emnxebeni ngoku sinaye umphathi ophezulu kwa SASSA u Bandile Maqethuka...