
Sign up to save your podcasts
Or


Abanini bezikroxo eGqeberha eMpuma Koloni, sele beqalile nenkqubo yokubhalisa amashishini abo ukuqinisekisa ukuba bathobela imiqathango eqinisekisa ukhuselo lwezempilo. Ngethuba ethetha nesizwe ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, umongameli uCyril Ramaphosa unike abanini bezivenkile iintsuku ezingamashumi amane ananye ukuba babhalise koomasipala babo, okanye azakuvalwa amashishini abo. Susela kwinyanga yoMsintsi, kuchazwe iziganeko ezingamakhulu asibhozo anamashumi alithoba zezigulo ezibangelwa kukutya okunetyhefu kuzwelonke, nalapho iGauteng kunye neKwaZulu Natal ingawona maphondo achaphazeleke kakhulu. Abanikazi bezivenkile bakhalazile ngokuba ezintsuku bazinikiweyo ukuba babhalise, zimfutshane kakhulu. USinethemba Witi usenzele le ngxelo
By SABC NewsAbanini bezikroxo eGqeberha eMpuma Koloni, sele beqalile nenkqubo yokubhalisa amashishini abo ukuqinisekisa ukuba bathobela imiqathango eqinisekisa ukhuselo lwezempilo. Ngethuba ethetha nesizwe ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, umongameli uCyril Ramaphosa unike abanini bezivenkile iintsuku ezingamashumi amane ananye ukuba babhalise koomasipala babo, okanye azakuvalwa amashishini abo. Susela kwinyanga yoMsintsi, kuchazwe iziganeko ezingamakhulu asibhozo anamashumi alithoba zezigulo ezibangelwa kukutya okunetyhefu kuzwelonke, nalapho iGauteng kunye neKwaZulu Natal ingawona maphondo achaphazeleke kakhulu. Abanikazi bezivenkile bakhalazile ngokuba ezintsuku bazinikiweyo ukuba babhalise, zimfutshane kakhulu. USinethemba Witi usenzele le ngxelo