trufm Current Affairs

Starlink in South Africa


Listen Later

IPalamente imememe uMphathiswa wesebe lezonxibelelwano nobuchwepheshe uSolly Malatsi kunye nesebe alikhokeleyo ukuba bavele phambi kwayo. Oku kulandela umyalelo osuka kuMalatsi ukuba kumiliselwe iinguqu ezintsha kwimigaqo nqkubo yokuxakathiswa kwabantu abantsundu ngentlutha (BEE Policies) kwicandelo le-CT. Oku kungahlahl'indlela yokuba iinkampani ezifana neyesinhanha u-Elon Musk i-Starlink ityale imali kweli lizwe ngaphandle kokuhambelana nomqathango wobunini bomyinge wama-30 ekhulwini. Kulindeleke ukuba ihlale ngoLwesibini kwiveki ezyo le ntlanganiso. Yintoni i-Starlink? Siyayidinga? Izakubaluncendo olunjani kuthi? Le yimibuzo esifuna ukuyiphendula kwaye, emnxebeni sinayo ingcali kwimiba yophuchwepheshe uSiphumelele Zondi. 

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News