trufm Current Affairs

The African National Congress has distanced itself from Brown Mogotsi


Listen Later

Umbutho we-ANC uzibhekelisile kuBrown Mogotsi, ekutyholwa ukuba ungumntu osondele kumphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo. Unobhala jikelele walo mbutho, uFikile Mbalula, uthethe nabeendaba ngeziphumo zekomiti ejongene nemisebenzi yemihla ngemihla ye-ANC, kundlunkulu wombutho iLuthuli House. Uthi kukho abantu abangacacanga abasebenzisa igama le-ANC nabathunywa balo mbutho kwimisebenzi yabo yokophula umthetho. Ngethuba leenkqubo zekomishoni kaMadlanga, oyintloko yobuntlola bolwaphulo-mthetho, uDumisani Khumalo, udize incoko eyayiphakathi kuka Vusi "Cat" Matlala kunye noBrown Mogotsi, ngendlela uMogotsi awafaka ngayo uxinezelelo kuMatlala ukuba axhase ngemali imisitho ye-ANC. Kwingxelo ka Sibahle Motha, masive ngokunabileyo kuMkhokheli Bandla... 

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News