trufm Current Affairs

The challenge of overcrowding in SA prisons


Listen Later

Amaziko oluleko elizwe loMzantsi Afrika agcwele ngokumangalisayo, nto leyo ebangela ukuba amabanjwa ahlale kwiimeko ekunzima ukuphila phantsi kwazo, nezinefuthe elibi nakumagosa ezoluleko okanye amadindala ezintolongweni. Ngokweengxelo, lixhome kakhulu inani lamabanjwa asalindele ukuchotshelwa kwamatyala awo, nagcinwe kula maziko.  Iintolongo zeli zineebhedi ezibalelwa kwi 105 000, ngeli lixa amabanjwa wona ebalelwa kwi 156 000. Loo not ithethe ukuba uMzantsi Afrika unamabanjwa aku 50 000 angenazibhedi kumaziko oluleko eli.  Ngethuba ephendula imibuzo epalamente, umphathiswa weenkonzo zoluleko uthe baqikelela kwelokuba ukwakhiwa kweentolongo ezintsha, kwakulidla eli imali ebalelwa kwi R36-billion, endulula ngokukhutshwa kwamabanjwa awenze amatyala amancinci. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinomongameli wemanyano yabasebenza kumaziko oluleko, iPOPCRU, uThulani Ngwenya, kwakunye noyingcali kwimiba yolwaphulomthetho, uHlumela Boqwana-Mzili... 

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News