
Sign up to save your podcasts
Or


Igunya-bantu lecandelo elijongene nendlela yokuphatha imali, iFinancial Sector Conduct Authorithy, liveze ukuba phantse ibe ngabaqeshi abayi Seven-thousand 770 abasileleyo ukuhlawula ingxenye yabo kwingxowa-mali yomhlala phantsi susela kweyoMnga kunyaka ophelileyo. Oku kulandela ukuziswa kwenkqubo ye two pot kwinyanga yoMsintsi. Le nkqubo yenziwe ngokuthi kwenziwe iinguqu kumthetho ojongene nerhafu. Ivumela abasebenzi ukuba babenako ukucuntsula kwingxowa yabo yomhlala phantsi bengakhange babe kanti bayalahla emsebenzini. Nangona kunjalo, emva kokuqala kwale nkqubo, kuvele ukuba abanye abaqeshi abakhange baziphathe kakuhle njengokuba besilele ukuhlawula ingxowa-mali yomhlala phantsi njengengxenye yabasebenzi babo. Le ndlela yokuziphatha itenxileyo ishiye abasebenzi abangamawaka abafake izicelo besengxakini. UAbongwe Kobokana usenzele le ngxelo...
By SABC NewsIgunya-bantu lecandelo elijongene nendlela yokuphatha imali, iFinancial Sector Conduct Authorithy, liveze ukuba phantse ibe ngabaqeshi abayi Seven-thousand 770 abasileleyo ukuhlawula ingxenye yabo kwingxowa-mali yomhlala phantsi susela kweyoMnga kunyaka ophelileyo. Oku kulandela ukuziswa kwenkqubo ye two pot kwinyanga yoMsintsi. Le nkqubo yenziwe ngokuthi kwenziwe iinguqu kumthetho ojongene nerhafu. Ivumela abasebenzi ukuba babenako ukucuntsula kwingxowa yabo yomhlala phantsi bengakhange babe kanti bayalahla emsebenzini. Nangona kunjalo, emva kokuqala kwale nkqubo, kuvele ukuba abanye abaqeshi abakhange baziphathe kakuhle njengokuba besilele ukuhlawula ingxowa-mali yomhlala phantsi njengengxenye yabasebenzi babo. Le ndlela yokuziphatha itenxileyo ishiye abasebenzi abangamawaka abafake izicelo besengxakini. UAbongwe Kobokana usenzele le ngxelo...