
Sign up to save your podcasts
Or


Kulindeleke avele enkundleni eNew York eMelika namhlanje umongameli waseVenezuala, uNicolas Maduro, emva kokubanjwa ngumkhosi waseMelika. NgoLwesihlanu kuye kwahlaselwa ikomkhulu laseVenezuala nalapho abanjwe khona uMaduro nenkosikazi yakhe uCelia Flores. Bajamelene namatyala okushishina ngeziyobisi nezixhobo. Sele kulithuba ubudlelane beMelika neVenezuala bungebuhlanga. Ilizwe loMzantsi Afrika liye lamemelela ukubanjwa kwentlanganiso ekhawulezileyo yi-United Nations Security Council ngelithi ilizwe laseMelika linyhashe isibhambathiso samazwe ayinxalenye yeUnited Nations. UAyabonga Kekana uncokole nengcali yemiba yamazwe angaphandle ugqirha Mkhuseli Vimba.
By SABC NewsKulindeleke avele enkundleni eNew York eMelika namhlanje umongameli waseVenezuala, uNicolas Maduro, emva kokubanjwa ngumkhosi waseMelika. NgoLwesihlanu kuye kwahlaselwa ikomkhulu laseVenezuala nalapho abanjwe khona uMaduro nenkosikazi yakhe uCelia Flores. Bajamelene namatyala okushishina ngeziyobisi nezixhobo. Sele kulithuba ubudlelane beMelika neVenezuala bungebuhlanga. Ilizwe loMzantsi Afrika liye lamemelela ukubanjwa kwentlanganiso ekhawulezileyo yi-United Nations Security Council ngelithi ilizwe laseMelika linyhashe isibhambathiso samazwe ayinxalenye yeUnited Nations. UAyabonga Kekana uncokole nengcali yemiba yamazwe angaphandle ugqirha Mkhuseli Vimba.