trufm Current Affairs

VAT Update


Listen Later

Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngelithi iyasinqumamisa isibhengezo senyang'ephelileyo sokunyuswa kweRhafu yentengo. Oku kuthetha ukuba ayizukunyuka i-VAT ngomhla wokuqala kuka-May. Inkundla ephakamileyo ikwagwebe ngelithi isibekela bucala isigqibo sePalamente sokwamkela ingxelo yeKomiti yeNdlu yowiso-Mthetho emayela neziphakamiso zezicwangcwiso ngohlahlo-mali nengeniso. USomlomo wale ndlu uyebhalela amalungu ale ndlu ngokuba, uMphathiswa u-Enoch Godongwana uzakuphinda athi thaca uhlalo-lwabiwo olutsha. Masincokole noyingcali kwibima yezoqoqosho uNjingalwazi Bonke Dumisa…

...more
View all episodesView all episodes
Download on the App Store

trufm Current AffairsBy SABC News