Namhlanje siphawula igosa kumdlalo wamanqindi, ukhe wanguye nomongameli kwi Open Boxing SANABO, usebenze kakhulu kuphuhliso okanye amanqindi abangahlawulwayo
Yinzalelwane yaseCumakala kwaZidenge, ufunde eCenyu BC School apho adibene khona nombhoxo, ne athletics (discus thrower)
Amabanga aphakamileyo uwenze eWongama High eLitha waqhubeka nomdlalo wombhoxo, umdlalo weqonga ne athletics waze wangena nakumanqindi kwi Fight Forever Boxing Club eLitha. Udlalile umbhoxo nakwiqela iMighty Greens ne Crusaders