Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about Ezemidlalo:How many episodes does Ezemidlalo have?The podcast currently has 380 episodes available.
November 19, 2020Mesuli Zifo- Boxing Analyst- Tribute to SterraUmhlalutyi wamanqindi unika imbeko ku Sterra Ngqezana ongasekhoyo...more9minPlay
November 04, 2020Mr Mncedisi Khoza CEO Sunnyside Basketball ClubSincokola negosa eliyintloko leqela le Basketball eTshwane ePitoli mayelana nophuhliso lwalomdlalo. Baseke umbutho ongenzi ngeniso (NPO) ukuze baphuhlise lomdlalo ezilokishini. Banabantwa abaselula abangama-70 abaqala kwiminyaka esixhenkxe ubudala ukuya ngapha kwama – 20, kwaye abaphelelanga ekubafundiseni ukudlala banceda nangokutyisa abantwana....more11minPlay
October 31, 2020uMama Joy weOrlando Pirates noChacks Machaka we KaizerUyabazi ke mphulaphuli soloko bekho apho amaqela abo adlala khona kodwa le yalonyaka iSoweto Derby yohlukile ngenxa ye lock down...more7minPlay
October 10, 2020Sakhiwe Sodo Sports LegendNgenxa yomdlalo wombhoxo opha nge 16:30 namhlanje inkqubo yethu yokuphawula amagqala siyiqala Kwa early. Namhlanje Samnkela igqala kwezemidlalo uSakhiwe Sodo nozibandakanye nemidlalo eliqela ekukhuleni kwakhe kuquka ibhola ekhatywayo, umbhoxo nezeembaleki. Udlalile kwiqela iNcise Real Hunters phantsi kwe Central Transkei Football Association. Ebengumdlali oziqaqambisileyo ngethuba esakhula esikolweni eDilizintaba High school. Uye wangena nakumdlalo wamanqindi eEyethu Boxing Club phantsi ko Bisto Kid Dunjwa. Ngeminyaka yoo 90 uye wangena kubunkokheli bezemidlalo wade walilungu lebhunga lezemidlalo emele uMzantsi Africa kwikomiti ye Olympic eZimbabwe. Ngomnye wamalungu aseka ISANABO. Zininzi izinto azenzileyo nazakusibalisela ngazo ngobomi bakhe...more45minPlay
October 10, 2020Sakhiwe Sodo Sports LegendSizakubamba namanye amagqala akhule nawo nasebenze nawo...more45minPlay
October 07, 2020Kholosa Biyana – Banyana Banyana MidfielderSincokola nomdlali weBanyana Banyana uKholosa, yinzalelwane yeliphondo lempumakoloni kwaye udibene nomdlalo webhola ekhatywayo eneminyaka esibhozo. Akaphelelanga ekudlaleni uzixabisile nezifundo zakhe. Udlalile kwindebe yehlabathi yamantombazana iFifa Women’s World Cup waze wadlala amatyeli amathathu kwi World University Games 2015-2019. Wenza iHonors Degree kwi Biokinetics kwaye ujonge ukugqiba izifundo zakhe kulonyaka. Ezona ndaba zimnandi zezokuba nelakhe igama lingenile kuluhlu lwabadlali abaliqela kwi Banyana Banyana abanezivumelwano namaqela aphesheya. Kulindeleke ukuba angahamba nanini emva kokufumana icontract neqela lase Spain iReal Sporting...more9minPlay
October 07, 2020Kholosa Biyana – Banyana Banyana MidfielderSigqibezela udliwanondlebe noKholosa...more12minPlay
September 29, 2020Mr Solo NqweniuSolo ngumdlali weqakamba owayefudula edlalela iUnited Brothers nee Worriors. waye wahlaselwa kukugula waze wayeka ukudlala...more11minPlay
September 27, 2020Mr Soyiso Maliti- Senior Reporter Daily DispatchUsihlalo weqela le Chippa United uceba ukuphucula ibala laseMonti alichaza njengelingekho mgangathweni najonge ukulisebenzisa iBuffalo City Stadium.Uceba ukuqoshelisa isivumelwano sokulilungisa ngo November ebhalela nomongameli weSAFA BCMuMxolisi Sibam kwaye uceba ukutyala imali eyi R10m.Kuninzi ukungaxoli mayelana nesicwangciso sika Chippa Mpengesi, kodwa ke sibamba intatheli elilandelayo elibali...more19minPlay
FAQs about Ezemidlalo:How many episodes does Ezemidlalo have?The podcast currently has 380 episodes available.