I-Central Gauteng Lions (CGL), iLions Cricket franchise, kwakunye nabadlali, abaqeqeshi, abasebenzi neentsapho zabo bakwiphulo lokuvakalisa ilizwi labo besilwa uxhatshazo ngokwesini , gender-based violence (GBV).
Inani loxhatshazo ngokwesini eMzantsi Africa liphezulu kakhulu xa kuthelekiswa namanye amazwe kwihlabathi.
Iphulo le #JoinTheCharge lelokuphakamisa isidima somntu nentlonipho kwaye ikhwelo labo alijonganga kwiqakamba kuphela kodwa basebenzisa yona njengendlela yokuvakalisa umyalezo wotshintsho othi #JOINTHECHARGEAGAINSTFEMICIDE.”