i-Seamer yeqela le Warriors uAndrew Birch uye wabhengeza kwinyanga ephelileyo ukuba ubeka phantsi iintambo ekudlaleni emva kokuchitha iminyaka eli 15 neliqela
uBirch idebut yakhe yayingo 2005, kwaye uwadlalele namanye amaqela aquka iDhaka Dynamites, SA A, SA Academy, SA U19, Tshwane Spartans, ne University Sports SA XI.
Ngoku uzakuqeqesha iKingswood College eMakhanda kwakunye noMurray Ranger owayekwi Warriors ne Border.
Uyeke ukudlala ekhokhela ekuthetheni oothinti kwii Worriors kuzo zontathu iiformats zomdlalo.
Kwimidlalo yodidi olu phezulu ka first-class eyi-99 uthathe oothinti abayi 330.