Utata uRay Mali, waye watyunjwa njengomongameli obambeleyo we- International Cricket Council ngo 2007, emva kokusweleka kuka Percy Sonn.
Yinzalelwane yase Mpumakoloni kwaye wayengumongameli wokuqala omnyama we Cricket South Africa susela ngo 2003 waze wahlala engumongameli we ICC ukuya ku 2008.
Wakhe wangumongameli weBorder Cricket, wanguye nosihlalo we Athletics SA.
Washiywa ngabazali bobabini eneminyaka eli 9 waze wakhuliswa lilungu losapho utata uAaron Mali, nenkosikazi yakhe uEsmay,
Kwi minyaka yo 1950 uye wadlala iqakamba nombhoxo edlalela amaqela as eBhayi. Kumbhoxo udlale le iOrienta, iLovedale waze wadlalela I Border ngo 1959 ukuya ku 60. Ngenxa yomonzakalo wegxalaba kwanyanzeleka ayeke ukudlala.