Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 693 episodes available.
October 31, 2025INITIATION TRAININGUrhulumente wephondo i Mpuma Koloni kunye neenkokheli zemveli, usungule iphulo elizakuqeqesha iingcibi namakhankatha abantwana abasesuthwini. Isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente lithi oluqeqesho luzakuquka nongenelelo lwezempilo kwelisiko lolwaluko. Oku kwenziwa nangoko elisiko lijamelene nemingeni efana nokungakhathalelwa kwabantwana, impatho mbi, ukunxanwa nokubethwa kwabantwana phakathi kweminye, neye maxa wambi ikhokelele ekubhubheni kwabakhwetha. Oluqeqesho luzakugxila kwiindlela zokugcina abantwana besempilweni ngalo lonke ixesha besehlathini. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela isebe u Phello Olifant...more8minPlay
October 30, 2025Pressure is mounting to do away with deputy ministersZiyakhula izimemelelo zokuba zipheliswe izikhundla zoosekela baphathiswa emva kokuvela ukuba kuphele unyaka oosekela baphathiswa bamapolisa ababini bengakhange banikwe msebenzi, uzakuba luxanduva lwabo. Ebutsheni baleveki usekela mphathiswa wamapolisa, uCassel Mathale, uxelele ikomiti yethutyana yasepalamente ukuba umphathiswa wamapolisa okwikhefu elikhethekileyo, uSenzo Mchunu, akakhange abanike msebenzi inguye nogxa wakhe uPolly Boshielo. Amanye amaqela ezopolitiki, amatshantliziyo nabahlalutyi, bathi izikhundla zoosekela baphathiswa kukudala nje imisebenzi ukulungiselela amaqabane nento eyinkcitho yemali yabarhafi. Bamemelela ukuba kuqeshwe abaphathiswa namagosa awenza umsebenzi. Masive kwingxelo esikulungiselele yona ka Ntebo Mokobo......more5minPlay
October 28, 2025NEWSREVIEW-Political WrapZibeliqela iindaba ezibengundaba-mlonyeni kwezopolitiko kule veki siyiqukumbelayo, nesingakhange sikwazi ukuba sijonge kuzo. Owayesakubangumongameli weli uJacob Zuma uyalelwe yinkundla ukuba ahlawule imali engapha kwe-28 million rands yeendleko zomthetho nawazihlawulelwa ngumbuso kwityala ajamelene nalo elibandakanya intengo yezixhobo. Umbutho i-Afrika Mayibuye wona ugxothe usekela mongameli wawo uNolubabalo Mcinga. Umbutho i-Umkhonto weSizwe wona wazise uTony Yengeni njengomongameli wawo wesibini omtsha. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast...more36minPlay
October 28, 2025SAHPRA officially registered Lenacapavir, a long-acting injectable medicine for HIVUMzantsi Afrika kungekudala uzakubanechiza elisisitofu sokuthintela ulosuleleko lwentsholongwane i-HIV. Oku kulandela ukubhaliswa nokupasiswa kwesi sitofu iLenacapavir ngokusesikweni, ngukhala olawula usetyenziso lwamachiza kweli, iSouth African Health Products Regulatory Authority. Esi sitofu ixesha elide besisetyenziswa eMelika kuphela, kwaye sixabisa imali eninzi kakhulu ukuba ilizwe lingasithenga. Eli linge libonwa njengelibaluleke kakhulu ukulwa ulosuleleko lwentsholongwane i-HIV. u Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe no Foster Mohale wesebe lezempilo ngoku......more11minPlay
October 27, 2025Human trafficking accused denied bailINTRO: Inkundla kaMantyi eMonti eMpuma Koloni, imalele ibail usekela-nqununu, uVuyokazi Gana, otyholwa ngokurhwebesha amantombazana aselula ewathembisa ngamathuba emisebenzi, kanti uzakuwafaka kushishino lokuthengisa ngomzimba. UGana kutyholwa ngokuba konke oku ebekwenza kumzi wakhe eQuigney, eMonti. Inkundla igwebe ngelithi ukuba anganikwa ibheyile lonto ingabeka emngciphekweni ubomi babantu abanokuba ngamangqina, njengoko ewazi. Masive kwingxelo ka Sidima Mfeku... ...more2minPlay
October 25, 2025Former Police Minister, Bheki Cele, says he is of the opinion that the appointment of Riah Phiyega as Police Commissioner in 2012 was a deliberate attempt to weaken SAPSOwayesakuba ngumphathiswa wamapolisa uBheki Cele uthi unembono ethi ukuqeshwa kuka Riah Phiyega njengomkomishinala wamapolisa ngo2012 yayililinge langabom lokuthibaza inkonzo yesipolisa. UCele unika ubungqina kwikomiti yethutyana yepalamente, esekelwe ukuqwalasela izityholo zongenenelelo loonqevu, urhwaphilizo, nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa. Ezizityholo zenziwe ngumkomishinala wamapolisa eKZN, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi kweyeKhala kulonyaka. UCele wayengumphathiswa wamapolisa phakathi konyaka u2018 no2024. Ibilisuku lakhe lesibini izolo evele phambi kwekomiti yethutyana. Masive kwingxelo ka Zalene Merrington esiyenzelwe nguAmanda Xhala...more3minPlay
October 23, 202530 MINUTES LIVE - Optism as SA awaits its FATF grey list verdictIlizwe loMzantsi Afrika lilinde ngabomvu isigqibo se Financial Action Task Force, iFATF ngamafuphi, ngokubhekiselele ekukhutshweni kweli lizwe kuluhlu lwamazwe ekusemngciphekweni ukwenza nawo ushishino. Olu luluhlu lwamazwe angenankqubo zomeleleyo zokuthintela ukugudiswa kwemali eze ngondlela-mnyama, kuquka nokuxhaswa kwezenzo zobunqolobi. UMzantsi Afrika wafakwa kolu luhlu ngeyoMdumba ngonyaka ka-2023. Ingaba singalindela iziphumo ezinjani kwi-FATF ngokubhekiselele kule nyewe? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa......more11minPlay
October 22, 202530 MINUTES LIVE - Mchunu's day 4 giving testimony infront of the Ad hoc committeeNamhlanje lusuku lwesine enikezela ubugqina phambi kwekomiti yethutyana yasepalamente, umphathiswa wamapolisa obekwe kwikhefu elikhethekileyo, u Senzo Mchunu. Le komiti iphanda izityholo zongenelelo lwezopolitiko, urhwaphilizo, nolwaphulomthetho kwinkqubo yobulungisa yeli. Izolo u Mchunu uphendule umbuzo welungu lepalamente le DA, u Glynnis Breytenbach, wokuba buza kutshintshwa njani ubuqhophlolo nolawulo olugwenxa kwinkonzo yesipolisa, ingakumbi kwicandelo le Crime Intelligence. Le komiti ikwabukhabile ubungqina besandi soshicelelo lwe cellphone obuze ngenjongo yokuvakalisa izigrogriso ezenziwe nguMkhwanazi ngaku Mchunu. Ukuncokola banzi ngoku, on the line we are joined by our reporter, Zalene Merrington......more9minPlay
October 21, 2025Land claims commissioner in the EC roll out a public awareness driveIkomishoni ejongene namabango omhlaba eMpuma Koloni, izakubamba amaphulo okuqinisa ubudlelane noluntu. Oku kuza emva kwenkxalabo ephakanyiswe luluntu ngokucotha kwenkqubo yokuhlawulwa koluntu olufake amabango omhlaba. Kunyaka mali ka 2024/2025, iphondo leMpuma Koloni belizibekele ukuhlawula amabango angaphezulu kwamakhulu amathathu. UAmanda Xhala uncokole nomkomishinala ojongene namabango omhlaba eMpuma Koloni, uNomfundo Ntloko...more9minPlay
October 21, 2025Witness A continues with his testimony on the Madlanga Commission.)Ingqina elichazwa ngo "Witness A" liyakuqhuba nokunika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga ePitoli. Lo mcuphi onikwe uxanduva lokuphanda imikhambathi yolwaphulo-mthetho ungenise ingxelo eyothusayo izolo, neziquka unxulumano phakathi kwamagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, nabantu abathile abatyholwa ngokuba ngongqondo-ngqondo kwizenzo zolwaphulo-mthetho. Kubungqina bakhe, uWitness A uveze ukuba umpu owasetyenziswa ukubulawa kweNjineli yase-Vereeniging u-Armand Swart ngo-April ka 2024, unxulunyaniswa nothotho lwezinye iziganeko zolwaphulo mthetho eziquka ukubulawa kukaOupa Sefoka owayesaziwa ngoDJ Sumbody kunye noDJ Vintos. Ayabonga Kekana uncokola noSibahle Motha…...more8minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 693 episodes available.