Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 693 episodes available.
October 20, 2025DA announces plans to challenge bee policyINTRO: I-DA imemelele ekubeni kupheliswe umgaqo-nkqubo weBlack Economic Empowerment, iBEE ngamafuphi, isithi iyibulele imisebenzi, wakhuthaza urhwaphilizo kwaye wakwaxhamlisa nabantu abanonxulumano nabezopolitiko. Ngethuba lendibano noonondaba kundlunkulu wawo eBruma, kwimpuma yeRhawuti, lo mbutho uchaze iinkcukacha ngomthetho wawo oyilwayo nothi uquka wonke ubani, iEconomic Inclusion for All Bill. Uphakamisa ukuba kubekho imigqaliselo ebekwayo ukuphelisa ngezigaba ikomishoni yeBEE kwisithuba seenyanga ezilishumi elinesibini, kwaye umemelela ekubeni kususwe zonke izinto ezibandakanya iBEE, kuyo yonke imithetho yelilizwe jikelele. Ingxelo ka Busi Bopela siyenzelwa nguAmanda Xhala...more4minPlay
October 20, 202530 MINUTES LIVE - COGTA Minister Velenkosini Hlabisa is expected to visit His Majesty King Zwelozuko Matiwane of the AmaMpondomise Kingship in QumbuUmphathiswa wolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli uVelenkosini Hlabisa, ephelekwe ngusekela wakhe uPrince Zolile Burns-Ncamashe, batyelele ikomkhulu lamaMpondomise kuQumbu namhlanje. Olu tyelelo lulandela isicelo esenziwa nguKumkani uZwelozuko Matiwane wamaMpondomise, nalapho wacela kwiSebe ukuba makhe kubanjwe iingxoxo ngokuvuselelwa ngokutsha kwamabhunga emveli, kuquka neminye imiba yorhulumento. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo elapho, uNomzwanele Mngoma......more5minPlay
October 20, 2025NEWS REVIEW - Raising an important awareness on the broad definition of "consent" and what would constitute rape if consent is not granted.Kuye kubekho ukubhideka phakathi kokuvumelana ukwabelana ngesondo kwisibini esithandanayo, nokudlwengula ngokwasemthethweni. Ukuvumelana phakathi kwabo babelana ngesondo yeyona nto ibonwa njengengundoqo. Iminyaka yabo babelana ngesondo nayo yinto ebaluleke kakhulu, nanjengoko umgaqo-siseko weli uchaza. Iminyaka elishumi elinesithandathu ubudala ngokomthetho, ichazwa njengeminyaka eselungelweni ukuba ubani angakwazi ukunika imvume ekwabelaneni ngesondo. Nangona kunjalo, oku akuthi ubani akanakubanjelwa ukudlwengula xa athe walala nomntwana okuloo minyaka, nokuba kungabekanti yena uvumile. Xa ingabantwana abangaphantsi kwale minyaka iselungelweni, kuye kwenzeke ntoni? Ingaba umntu uyakwazi ukudlwengula iqabane lakhe aqhele ukwabelana nalo ngesondo? Ingaba ukuvumelana okanye ukwala isondo kufuneka kubengamazwi okanye ingaziintshukumo zalowo ungenamdla ngelo xesha? Ukuphendula le mibuzo neminye, uAyabonga Kekana uncokola nengcali yezomthetho, uAdvocate Dumisani Apollos......more46minPlay
October 17, 202530 MINUTES LIVE - We look at the state of readiness for the province and its target for the resultsUmphathiswa wezemfundo kwiMpuma Koloni, uFundile Gade, ukwisikolo samabanga aphakamileyo iHumansdorp, nalapho azakuthi adandalazise ukulungela kweli phondo ukubamba iimviwo zokuphela konyaka eziqalisa ukubhalwa kwiveki ezayo. Ebutsheni bale veki, ibhunga eliqwalasela umgangatho weemviwo neziphumo zebanga leMatriki, elibizwa Umalusi, likunqwalele ukuchotshelwa kweemviwo. Ingaba iphondo leMpuma Koloni likulungele kangakanani ukuchotshelwa kweemviwo zokuphela konyaka? Ukusabele banzi ngoku, emnxebeni kungokunje sinaye umlawuli oyintloko ojongene neemviwo kwiSebe lezemfundo kwiphondo, Mzimhle Mabona......more5minPlay
October 16, 202530 MINUTES LIVE - The Hawks East London arrest a teacher in relation to allegations of human trafficking and prostitution involving young womenUvela enkundleni namhlanje utitshala ominyaka ingamashumi amahlanu anesibini ubudala, notyholwa ngokushishina ngamanina aselula eMonti eMpuma Koloni. Ngokwengxelo ye-Hawks ephondweni eli nina libanjwe izolo emva kophando lwabo bebeluqhuba, nalapho kutyholwa ukuba umrhanelwa lo ebeqokelela amantombazanana kwimimandla efana nakuQumbu, eMthatha naseNgqeleni ze zisiwe eMonti nalapho bezinyanzeliswa ukuba babelane ngesondo nabantu abohlukileyo ze bahlawulwe. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela iiHawks, uNdiphiwe Mhlakuvana.......more10minPlay
October 16, 202530 MINUTES LIVE - Madlanga Commission of Inquiry continues in-cameraUsihlalo wekomishoni kaMadlanga, uJaji Mbuyiselo Madlanga, ugwebe ngelithi amajelo eendaba noluntu abazokuvumeleka kwiintshukumo zanamhlanje zale komishoni. Uthi izizathu zoku kukuba umba ekuza kuthethwa ngawo namhlanje usekelezelwe kuphando oluqhubayo. Le komishoni iphanda ngezityholo zolwaphulomthetho, urhwaphilizo nongenelelo lwezopolitiko nolwaphulomthetho kwinkqubo yezobulungisa yeli lizwe. Ukuva banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana emnxebeni unentatheli yeli jelo elapho, uSibahle Motha......more7minPlay
October 16, 202530 MINS LIVE - Senzo Mchunu expected to appear before the committee investigating allegations of criminal infiltration, corruption and interference in the justice systemUvele phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe,obekwe kwikhefu lethutyana ongumphathiswa wamapolisa kuzwelonke, u Senzo Mchunu. Oku kulandela izityholo zomkomishinala wamapolisa e KZN u Nhlanhla Mkhwanazi zokuba amagosa aphezulu esipoliseni kuquka uMchunu, abandakanyeka kwizenzo zobuqhophololo nongenelelo lopolitiko kwinkqubo yobulungisa. U Mchunu ulindeleke ukuba avele iintsuku ezintathu phambi kwalekomiti. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli elandela eli nqaku u Abongwe Kobokana........more7minPlay
October 15, 2025Umalusi, says security measures have been tightened ahead of the 2025 matric examsIbhodi eqinisekisa ukuba semgangathweni kweemviwo neziphumo zebanga leMatriki, Umalusi, ithi baqinise amanyathelo okhuseleko kulungiselelwa iimviwo zaMatriki eziqalayo ngoLwesibini weveki ezayo. Umalusi uthi sele kuqalile ukushicelelwa nokugcinwa ngendlela ekhuselekileyo kwamaphepha eemviwo, kwaye balandela iinkqubo ezizizo zokuqinisekisa ukunyaniseka nomngangatho onguwo weemviwo. Bangaphaya kwesigidi abafundi ababhalisele ukuchophela iimviwo zabo zeNational Senior Certificate, kuquka nezinye iintlobo zeemviwo zokuphela konyaka. U-Phanuel Shuma uza nengxelo....more4minPlay
October 15, 202530 MINUTES LIVE - Eastern Cape Premier expected to meet with scholar transport operators amid public protestInkulubaphathiswa yephondo iMpuma Koloni u Oscar Mabuyane, kulindeleke ukuba ibambe intlanganiso nabaqhubi bezithuthi ezithutha abantwana ezikolweni zeliphondo. NgoMvulo waleveki baliqela abafundi abasebenzisa ezizithuthi abazibone bengayanga ezikolweni ngenxa yokunqunyanyiswa kwalenkqubo. Ezinye zezizathu zokunqunyanyiswa kwalenkqubo kukungahlawulwa kwabanye abaqhubi. Ababaqhubi batyhola ngokuba okukungahlawulwa kususela kunyaka u 2023 no 2024. Ukusabela ngalendibano, emnxebeni sinaye othethela urhulumente wephondo u Khuselwa Rantjie........more7minPlay
October 14, 202530 MINUTES LIVE - A Nelson Mandela University student was attacked and killed during a break-in at an off-campus student accommodation in Summerstrand on last nightKusweleke umfundi ze konzakala omnye, ngexa kuqhekezwa kwindawo ehlala abafundi beYunivesiti iNelson Mandela eGqeberha, nengaphandle kweli ziko-mfundo. Ngokokutsho kwale Yunivesiti, lo mfundi wonzakeleyo kungokunje ufumana unyango. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinesithethi sale Yunivesiti, uZandile Ngwendu......more7minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 693 episodes available.