Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.
February 18, 202630 MINUTES LIVE - EC loses more jobsNgokweenkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, iphondo iMpuma Koloni lelona phondo linelona qondo lixhomileyo le ntswela-ngqesho kweli, nelikumyinge ka 42.5%. Oku kudandalaziswe kwiinkcukacha-manani zekota yesine ka-2025 ezigxile kwezengqesho. Ngokwala manani, awona macandelo achaphazeleke kakhulu ngawezolimo, icandelo lezemali neleenkonzo zoluntu. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela urhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie......more11minPlay
February 17, 2026TRUNEWS @6 - COGTA Deputy Minister, Dickson Masemola, says the Coalition Bill must be finalized as soon as possibleUsekela-mphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli, uDickson Masemola, uthi umthetho oyilwayo ongqamene noorhulumente benkazathi, iCoalition Bill ngolwasemzini, kufuneka uqukunjelwe ngokukhawuleza. UMasemola ugxininise ukubaluleka kokupasiswa kwalo mthetho uyilwayo kunyaka wokubanjwa konyulo, ukuze ube semthethweni khon' ukuze ube ngumkhombandlela koomasipala abalawulwa ngenkazathi. Lo mthetho uyilwayo ujoliswe ekwenzeni ukuba ulawulo ngenkazathi phakathi kwamaqela ezopolitiko luqamangele ngokomthetho, usazisa inani elifunekayo kwizihlalo zebhunga, kwaye unciphisa nenkqubo yesiphakamiso sokubonisa ukuphelelwa lithemba, phakathi kwezinye izinto. Lo mthetho uyilwayo ukwavumela usomlomo webhunga ukuba akwazi ukuqesha iqela elizimeleyo eliza kuqinisekisa ukunyaniseka kwesindululo sokukhutshwa kukasomlomo, umbhexeshi, usodolophu okanye isekela lika sodolophu kwi ofisi. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZara Groenewald......more3minPlay
February 17, 2026TRUNEWS @6 - The national Department of Health says the rollout of Lenacapavir, a six month HIV prevention injection, will happen in six provinces anytime between April and June this yearISebe lezempilo kuzwelonke lithi ukukhutshwa kwesigonyo seenyanga ezintandathu, iLenacapavir, nesithintela intsholongwane ka gawulayo, kuzakwenziwa kumaphondo amathandathu phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi ukuya kweyeSilimela kulo nyaka. Lamaphondo aquka uMntla Ntshona, iKwaZulu Natal, iGauteng, iMpumalanga, iMpuma Koloni kwakunye neNtshona Koloni. Kwintetho yakhe engobume besizwe, umongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze ukuba urhulumente uzakubamba inkqubo yokuhanjiswa kwezigonyo zokuthintela iHIV. URamaphosa uthi le nkqubo iyinxalenye yeenzame zikarhulumente zokuthintela nokucutha le ntsholongwane. UAmanda Xhala uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguThabiso Moss......more3minPlay
February 17, 2026TRUNEWS @6 - Former TRC Commissioner, Yasmin Sooka's testimony to the TRC inquiryInkqubo yophando ngamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelwaniso, iTRC, kumele iqwalasele owayesakuba yintloko yegunyabantu lezotshutshiso iNPA, uShamila Batohi, ngokusilela ukuthatha uxanduva lokutshutshisa kumatyala amayela nale komishoni. Oku kuvakaliswe ngowayesakuba ngumkomishinala walekomishoni uYasmin Sooka, kubungqina bakhe kwinkqubo yophando eqwalasela iinzame zokulibazisa uphando nokutshutshisa abo babandakanyekayo, neqhubayo eNewtown eRhawutini. Kusuku lwesihlanu lokuphulaphulwa kwezimvo zoluntu, uSooka ubenemibuzo ngendima yabo babesakuba ngoomongameli uThabo Mbeki noJacob Zuma, ngokuphathelene nokuqubisana nalamatyala wagxeka nokuba kungathathwanga manyathelo ngakwabo bebemele ukujongana notshutshiso. Ingxelo ka Busi Bopela siyenzelwa nguVuyolwethu Mabeqa......more5minPlay
February 16, 202630 MINUTES LIVE - Parents are to protest outside Noncampa Primary School todayAbazali besikolo samabanga aphantsi iNonkcampa eQonce, kulindeleke ukuba babambe uqhankqalazo namhlanje, bekhalaza ngokungaselwaso kwezikhalazo zabo liSebe lezemfundo kwiMpuma Koloni. Aba bazali bathi sele isisithuba esingangonyaka enye yeetitshala zesi sikolo ingasayi esikolweni, nto leyo ebeka imfundo yabantwana babo emngciphekweni. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usihlalo webhodi elawula esi sikolo, uXolani Mei......more9minPlay
February 16, 202630 MINUTES LIVE - The case against three people accused of murdering an e-hailing driver in Pretoria has been postponed to next Monday for further investigations in the Pretoria Magistrate's Court.Bayalile ibheyile abatyholwa abathathu, abayanyaniswa nokubulawa komqhubi we e-hailing, kwinkundla kamantyi yasePitoli. Iingxelo zamapolisa ezingekagqibeleli zibonisa ukuba umtyholwa ubulewe yindoda nowasetyhini nabebebize esi sithuthi ngoLwesithathu weveki ephelileyo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga ubambe intatheli yeli jelo, uNonhlanhla Ntshingila... ...more5minPlay
February 16, 202630 MINUTES LIVE - The Da in the Nelson Mandela Bay metro is calling for an urgent intervention to address escalating gang violence in the Northern AreasUmbutho iDemocractic Alliance ubambe umgcelele namhlanje kuMasipala ombaxa iNelson Mandela bay, ngeenjongo zokumemelela ungenelelo ekulweni ubudlobongela nolwaphulo mthetho, eGqeberha eMpuma Koloni. Lo mgcelele ubanjwe ngaphandle kwesikhululo samapolisa sase Gelvendale. Abahlali kunye neenkokheli zoluntu kulindeleke ukuba babeyinxalenye yale ndibano. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo, uLubabalo Dada... ...more5minPlay
February 12, 2026COSATU SONA EXPECTATIONSNgokuhlwa nje kulindeleke umongameli wo-Mzantsi Afrika uCyril Ramaphosa enze intetho engobume belizwe, iState Of the Nation Address ePalamente eKapa. Phakathi kwezinto ekulindeleke azichaphazele kukuvezwa kwamathuba emisebenzi. Iqondo lentswela-ngqesho kweli limi kumyinge ka-31-point nine percent ekhulwini kwikota yesithathu kunyaka ka-2025. U Ayabonga Kekana ku 30 Munites Live ubambe udliwano ndlebe no Zanele Sabela othethela i COSATU ...more11minPlay
February 11, 202630 MINUTES LIVE - Pupils from a Ntabankulu school boycotted classes for the whole of last week in a desperate bid to get scholar transportAbafundi besikolo iNdile Senior Primary kuNtabankulu eMpuma Koloni, bayekile ukuya eskolweni kule veki iphelileyo bekhalazela ukungabikho kwezithuthi zabafundi. Abazali bathi abantwana abakwiminyaka emihlanu ubudala bahamba iiyure ezimbini ngeenyawo, umgama okwiikhilomitha ezisixhenxe besiya esikolweni. Ukusabela ngoku, emnxebeni IuAyabonga Kekana ubambe othethela iSebe lezothutho kweli phondo, u-Unathi Binqose... ...more7minPlay
February 10, 2026SAECDTU addresses injustices faced by grade R teachersImanyano yabasebenzi kwicandelo lemfundo i South African Childhood Development Teachers United, iye kwinkundla ephakamileyo yase Pitoli inyanzelisa ukuba kuqwalaselwe ukungalingani kwindlela yempatho kweetishala zika grade R kweli, nezinye zamanye amabanga. Lemanyano ibanga ngelithi iitishala zika grade R apha eMzantsi Afrika azifumani malungelo afanayo nalawo wezinye, zifumana imivuzo engaphantsi, azifumani namaqithiqithi athile athi afunyanwa zezinye iitishala. Umongameli walemanyano u Gqirha Bafana Langa uncokola nomsasazi wethu u Ayabonga Kekana ngoku........more12minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.