Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
July 29, 2026TRUNEWS @6- SAFDA calls for a regulated seasonal worker programme for foreign immigrantsUmbutho wophuhliso lwamafama oMzantsi Afrika, iSAFDA ngamafuphi, umemelela urhulumente ukuba apasise umgaqo okanye umthetho ovumela ukuqeshwa kwabemi bamazwe we-SADC ngexesha likaxakeka okanye ngamaxesha wokuvuna. Oku kuza nanjengoko lo mbutho ujamelene nomngeni wokungabi nabasebenzi kwiifama zeli emva kwemfuduko yabemi bamazwe angaphandle, abashiye eli bebuyela kumazwe abo, kulandela imigushuzo enxamnye nokubakho kwabantu bamazwe angaphandle abangenamaphepha okuba kweli ngokusemthethweni. Bangaphaya kwe-72 000 abemi bamazwe angaphandle abasele befuduselwe kumazwe abo okuzalwa, beshiya imisebenzi yabo kwiifama nemizimveliso yeli. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni uAmanda Xhala uncokole nomlawuli oyintloko kwi South African Farmers Development Association, uSiyabonga Madlala... ...more14minPlay
July 28, 2026TRUNEWS @6 - SAHRC investigation report into Eastern Cape's recreational water qualityIkomishoni yamalungelo oluntu, iSAHRC, kwiMpuma Koloni, idandalazise ingxelo equlathe iziphumo zophando lwayo obelugxile kumgangatho wamanzi eli phondo, iziseko zamanzi nongcoliseko lwamanzi lilindle, phakathi kwezinye izinto. Olu phando lulandela izikhalazo eziye zafakwa luluntu ngenkxalabo yalo ngokubhekiselele ekuphalakeni kwelindle kumanzi aselwayo kwimilambo ethile, nakumanzi akwimimandla eselunxwemeni. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umkhomishinala ophuma kule komishoni, uAseza Gungubele......more6minPlay
July 27, 2026TRUNEWS @6 | IDAC Head, Andrea Johnson resignsNamhlanje sivukele kwiindaba zokulahla kobe yintloko yecandelo lophando oluchasene norhwaphilizo, i-IDAC, uAndrea Johnson, kwisikhundla sakhe, nto leyo iye yamkelwa ngumongameli uCyril Ramaphosa. Oku kwenzeka nanjengoko uJohnson exinwa ngemibuzo kwikomishoni ka Madlanga. Ukanti ebevelile nanamhlanje phambi kwale komishoni. Phakathi kwezinye izinto ezithe zavela susela oko athe waqalisa ukunikezela ngobungqina bakhe phambi kwale komishoni, zezokuba walahlekisa ikomiti yethutyana yasepalamente nebiphanda izityholo zongenelelo lopolitiko norhwaphilizo kwinkqubo yezobulungisa yeli lizwe. Ukuhlalutya banzi ngokulahla kwakhe, emnxebeni uAmanda Xhala wamkela umhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Xolisile Ngumbela......more16minPlay
July 26, 2026NEWS REVIEW| Impeachment Committee's work temporarily interdicted.Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa, ekubeni athintele ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente echophele ukuphula-phula ubungqina ngebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Le ngxelo yafumanisa ukuba ukho umsi oqhumayo wobungqina obungathwalisa umongameli uxanduva ngeli bholo, nelinokuphembelela ekubeni asuswe kwisikhundla sakhe. URamaphosa uye wafaka esi sicelo enkundleni, ngelithi le komiti mayingaqhubi nomsebenzi wayo, de kuphulaphulwe isicelo sakhe sokucel'umngeni kule ngxelo ye-Section 89 Panel, kwinyanga ka-September walo nyaka. U-Ayabonga Kekana uncokole nengcali yezomthetho, uAdvocate Jazz Vilakazi......more56minPlay
July 24, 2026TRUNEWS @6- The Total Energies CAF Women's Africa Cup of Nations Morocco 2026 is starting this weekendIyaqala imidlalo yeWomen's Africa Cup of Nations, iWAFCON ngamafuphi, ngeCawa eMorocco. Ngamaqela alishumi elinesithandathu azakuthi akhuphisane ukuthathela kuwo itayitile yelizwekazi, nokuzilungiselela indawo kumdlalo wendebe yehlabathi yeFIFA yamanina, eBrazil ngo2027. Kusenjalo, lusuku lwesibini namhlanje lemidlalo yeCommonwealth eGlasgow, eScotland. Ukuba sincokole ngale midlalo, uAmanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo yezemidlalo, uSanele Nongauza......more8minPlay
July 24, 2026TRUNEWS @6 - Some of the opposition parties in Parliament have expressed their disappointment with the Western Cape High Court's judgementAmanye amaqela aphikisayo ePalamente avakalise ukudana sisigqibo senkundla yaseNtshona Koloni, sokugweba ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa ekuthinteleni ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente, echophele ukuphula-phula ubungqina bebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Ingxelo kaZalene Marrington siyilungiselelwe nguVuyolwethu Mabeqa......more4minPlay
July 24, 2026TRUNEWS @6 - The Western Cape High Court has ruled in favour of President Cyril Ramaphosa and interdicted the Impeachment Committee.Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa, ekubeni athintele ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente echophele ukuphula-phula ubungqina bebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Le ngxelo yafumanisa ukuba ukho umsi oqhumayo wobungqina obungathwalisa umongameli uxanduva ngeli bholo, nelinokuphembelela ekubeni asuswe kwisikhundla sakhe. URamaphosa uye wafaka esi sicelo enkundleni, ngelithi le komiti mayingaqhubi nomsebenzi wayo, de kuphulaphulwe isicelo sakhe sokucel'umngeni kule ngxelo kwinyanga ka-September. U-Abongwe Kobokana uza nengxelo......more4minPlay
July 22, 2026TRUNEWS @6 - SAHPRA concerned over illicit medicines saleIgunyabantu elilawula iimveliso zezempilo, iSouth African Health Products Regulatory Authoriy, iSAHPRA ngamafuphi, lilumkise ngokwanda kwamayeza omgunyathi kwelilizwe. ISAHPRA ithi amaqela oonqevu olwaphulo-mthetho olucetyiweyo athande ukuxhaphaka kwicandelo leemalike zeli ngamayeza angekho mthethweni, naquka izitofu zabo bafuna ukunciphisa umzimba, iipilisi zeentlungu kwakunye nezonyango zezifo ezinganyangekiyo kodwa ezilawulekayo, ezifana neHIV. Ukuba sive banzi ngale nkxalabo, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ophuma kwi-ofisi engokuthotyelwa kwemiqathango ebekiweyo yeemveliso zezempilo (Regulatory Complaince Officer) kwa SAHPRA, uCoceka Ntantala......more6minPlay
July 22, 2026TRUNEWS @6 - A reaction to calls for immediate dissolution of the PIC BoardAmanye amaqela opolitiko amemelela kumphathiswa wesebe lemali kuzwelonke, uEnoch Godongwana, ukuba achithe ibhodi yequmrhu lotyalo-mali yabasebenzi bakarhulumente, iPublic Investment Corporation, ukukhusela imali yomhlala-phantsi yabasebenzi bakarhulumente ze emva koko kuchongwe ibhodi yethutyana enyanisekileyo, nenobuchule obufunekayo ukubuyisela intembeko yoluntu kweli qumrhu nelibaluleke kakhulu eMzantsi Afrika. Oku kuza nanjengoko eliqumrhu lijamelene neengxaki zolawulo, nongenelelo lwabezopolitiko kulandela ukunqunyanyiswa kwengqonyela uPatrick Dlamini, nokulahla esikhundleni kwamanye amalungu ebhodi emva kwezityholo ezivele kwingxelo yoodiz'amahlebo. La maqela athi iPIC ayiyiyo eyezopolitiko, okanye imidla yabo yoshishino. Ukushukuxa lo mba,neminye, emnxebeni uAmanda Xhala wamkela ophuma kumbutho wabasebenzi bakarhulumente, uMadoda Maxakane... ...more10minPlay
July 22, 2026TRUNEWS@6-IEC urges political parties and aspiring independent candidates to submit their candidate nomination and supporter list through OCNSIkomishoni ezimeleyo yezonyulo ibongoza imibutho yezopolitiko nabo banqwenela ukuba ngabagqatswa abazimeleyo, ukuba basebenzise eli thuba ukufaka abagqatswa babo noluhlu lwabaxhasi babo kwinkqubo engqamene nokutyunjwa kwabagqatswa yale komishoni efumaneka kwi-internet, i-OCNS ngamafuphi. UAmanda Xhala uncokole nosekela-manejala kwikomishoni ezimeleyo yezonyulo kwiphondo iMpuma Koloni, uMasindi Mosehana......more7minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.