Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.
April 02, 2026TRUNEWS @6 - The Eastern Cape Department of Transport will roll out a series of targeted roadblocks across key routes in the provinceNje ngenxalenye yeenzame zokuphucula ukhuseleko ezindleleni, kwa nokucutha iingozi zendlela ngeli xesha lePasika, iSebe lezothutho kwiphondo iMpuma Koloni libambe uthotho lweenkqubo zovalo lwemigaqo esetyenziswa kakhulu ngabaqhubi kweli phondo. Ezi roadblocks ziyinxalenye yephulo iArrive Alive, nelijoliswe ekuqinisekiseni ukuba abasebenzisi bendlela bafika bekhuselekile kwiindawo abaya kuzo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni u-Amanda Xhala ubambe othethela iSebe lezothutho kwiphondo, u-Unathi Binqose......more6minPlay
April 02, 2026We speak with the CRL Commission on what should be done to protect congregants from cult churchesUkuyeka kwabantu imisebenzi, abantwana bayeke izikolo, abagulayo bayeke ukusela amayeza abo ngenxa yenkolo yabo nenkolelo yabo kuphinde kwaphantsi kwesithatha kwakhona. Oku kuza emva kweengxelo zokuba kukho abantu abangaphaya kwamashumi amahlanu abenze oku, bambi bade bashiya namaqabane abo ngeliyokuzibandakanya nebandla i-Ekhaya Labafundi bakaJehovah, nelizinze kuMntla weTheku, KwaZulu-Natal. Sithe masikrwece iKomishoni ethwaliswe uxanduva lokukhusela inkolo, inkcubeko, amasiko kunye neelwimi neyaziwa njenge-CRL Commission. UAmanda Xhala uncokola nosihlalo wale komishoni uThoko Mkhwanazi-Xaluva…...more10minPlay
April 01, 2026Commuters may have to pay more as fuel hikes affect the taxi industryUmbutho omele abo bakwicandelo loshishino lwee-taxi iSANTACO, uthi uxhalabile kukwenyuka kwamaxabiso amafutha ezithuthi, nefuthe elinokubakho kwinkonzo yezothutho abanikezela ngayo kubakhweli beli. Imfazwe egqubayo kwi-Middle East ibangele ukwenyuka kwamaxabiso e-oli kwihlabathi, nto leyo ebangele ukwenyuswa kwamaxabiso amafutha ngokothusayo kweli. Zombini iintlobo ze-Petrol zenyuswe ngemali ebalelwa kwi-three rands six cents ilitha; ngeli lixa zombini iintlobo ze-diesel zenyuswe nge-seven-rands-37 cents ne-seven-rands-51 cents ilitha. UAmanda Xhala uncokole nothethela iSANTACO kuzwelonke, uRebecca Phala…...more7minPlay
March 30, 2026Reaction from Lukhanyo Calata on the dismissal of former presidents application in the TRC cases inquiry matterSichithiwe isicelo sokususwa kukaJustice Sisi Khampepe njengejaji echophele ukuphandwa kwamatyala ekomishoni yenyani noxolelaniso. Esi sicelo sikhatywe yinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. Ababesakuba ngoomongameli beli, uJacob Zuma noThabo Mbeki, bafaka esi sicelo ngelithi makasuswe, kwaye izigqibo ezisele zithathiwe zibekelwe bucala. Inkundla ifumanise ukuba basilele ukulandela iinkqubo ezizizo zomthetho, kungoko isicelo sabo sichithiwe. Sithe masikrwece iintsapho ezichaphazelekayo sive uluvo lwabo ngoku. UAyabonga Kekana uncokole nothethela usapho lakwaCalata, uLukhanyo Calata... ...more9minPlay
March 26, 2026The Public Service Commission tabled its report before the Eastern Cape Provincial LegislatureIkomishoni ejongene nomsebenzi weenkonzo zikarhulumente, iPublic Service Commission ithe thaca ingxelo kwindlu yowiso-mthetho eMpuma Koloni emayela nomsebenzi wayo wophando ochaphazela isebe lezemfundo nelezempilo ephondweni. Masincokole ngeziphumo nezindululo zoluphando nomkhomishinala we-PSC ephondweni uVuyani Mapolisa......more12minPlay
March 25, 2026Portfolio Committee on Co-operative Governance has flagged accountability concerns at Nelson Mandela Bay MetroUsodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, uBabalwa Lobishe uvumile ukuba ukutyikitya kwakhe isivumelwano sokuqeshisa nge-transformer kwinkampani iCoega Steel, usityikitye ngaphandle kokulandela iinkqubo zomthetho, ezithi mayibelibhunga lo masipala elithatha isigqibo ngoku. Nangona uLobishe evumile ukuba akwenzileyo akukho mthethweni nje, kodwa usikhusele isigqibo sakhe. Masimve ngethuba ephendula kwimibuzo kasihlalo wekomiti ethwaliswe uxanduva lokujonga umsebenzi wesebe lorhulumento ngentsebenziswano ePalamente uGqirha Zweli Mkhize, oqale ngokutyikitywa kwesi sivumelwano nguLobishe…...more7minPlay
March 23, 2026We unpack the Eastern Cape Provincial BudgetKutshanje, umphathiswa wezezimali kwiphondo iMpuma Koloni, uMlungisi Mvoko, uwise uhlahlo-lwabiwomali lwephondo, nolubonwa nje ngolusekelezelwe kwiimfuno zoluntu. Olu lwabiwo-mali, noluxabisa malunga ne R105 billion, lugxile kuphuhliso lweziseko, ukuveliswa kwezithuba zengqesho, nokuxhasa abantu abangathathi-ntweni, phakathi kwezinye izinto. Lukwagxile ekulawuleni inkcitho karhulumente ngokuthi uhlumo loqoqosho luhambelane nohanjiso lweenkonzo. Ukuxoxa banzi ngolu hlahlo-lwabiwomali, uAyabonga Kekana uncokola nomphathiswa uMlungisi Mvoko......more43minPlay
March 20, 202630 MINUTES LIVE - BUDGET SPEECH COMPETITIONNanjengoko kulindeleke ukuba umphathiswa wemicimbi yezemali awise uhlahlo lwabiwo-mali lwakhe lwalo nyaka, namhlanje sithe khe sithethe banzi ngokhuphiswano olubanjwa minyaka le, iNedbank and Old Mutual Budget Speech Competition. Emnxebeni, uAmanda Xhala ubambe omnye wabafundi abaye bathabatha inxaxheba kolu khuphiswano, uAphiwe Dabula... ...more8minPlay
March 18, 2026Learners at Qokolweni Senior Secondary School in Mthatha are accusing their school of ill-treatment and sexual abuse.Abafundi baseQokolweni Senior Secondary eMthatha, eMpuma Koloni, batyhola ootitshala ngokubaxhaphaza ngokwesondo, iintetha ezingqwabalala, kwanokucelwa ukuba baphulule ootitshala inyawo zabo. Ukanti ababafundi bakwatyhola ngelithi bahlawuliswa imali emasangweni esikolo xa befike emva kwexesha esikolweni, logama kukwakho nenkxalabo ngenkqubo yokutyisa abafundi, nalapho besithi abanye abafundi bashiyeka bengafumani kutya ngenxa yokuba ootitshala bayaziphakela. UAyabonga Kekana uncokole nelungu leSGB uPumza Fatsha... ...more7minPlay
March 17, 2026Future discussions on allowing access to the retirement pot of savings in the two pot retirement systemI-ofisi kanondyebo iceba ukubamba iingxoxo ngokuvunyelwa kwabasebenzi ukuba bakwazi ukufikelela kwingxowa mali ongenakufikelela kuyo de uthathe umhlala phantsi ( retirement pot). Eli sebe lithi lemali iyakufunyanwa ngabo baphantsi koxinizelelo olumandla. Ngokwangoku, abasebenzi bayakwazi ukufumana kwenye yezimbiza zintathu ezikulengxowa yomhlala phantsi. Umbutho wabasebenzi iCOSATU, uyayixhasa lembono. Ngokwengxelo ye-arhente ye rhafu uka-SARS, bayi 5.6 million abantu abasele befake izicelo ukusukela kunyaka ka2024 ukuzakutsho ku2026. UAyabonga Kekana uncokola nothethela iCOSATU, uZanele Sabela. ...more11minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.