
Sign up to save your podcasts
Or


Ukanti ngoku masiphose iintambo kwiziko le-IEC elijongene neziphumo zolu nyulo loorhulumente basekhaya. U-Esona Funeka uuthethe nomhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Xolisile Ngumbela...
Imibutho yezopolitiko iyothulele umnqwazi inkqubo yovoto kwizikhululo zovoto ezahlukileyo namhlanje. Oku nanjengoko izigidi zabemi beloMzantsi Afrika bephume ngobuninzi babo ukuya kufaka u-nx wabo kunyulo loorhulumente basekhaya. Ayi-546 amaqela ezopolitiko, nabagqatswa abayi 130 000 abakhuphisana kunyulo lweli lizwe lwezihlalo ezingaphaya kwe-10 000. Oonondaba bejelo le-SABC bathethe neenkokheli zemibutho yezopolitiko yeli lizwe, iDA, Umkhonto weSizwe, i-EFF, i-IFP, iFF Plus, i-ActionSA nePatriotic Alliance malunga nenkqubo yovoto. UThandokazi Vusani usilungiselele le ngxelo kaSibahle Motha...
Umongameli uCyril Ramaphosa uthembise ngelithi baza kuqinisekisa ukuba ooceba abatsha bayazibophelela ekukhonzeni uluntu, kwaye bayayiguqula indlela ababonwa ngayo oomasipala babo. URamaphosa ebethetha kwinkomfa yamajelo eendaba, emva kokubeka u-nx wakhe kwisikolo samabanga aphakamileyo iHyde Park, kumantla esixeko saseRhawutini namhlanje. Umongameli ubothulele umnqwazi abavoti abaye baphuma ngobuninzi babo ukuya kuvota noko kukho imingeni nje koomasipala babo. Umongameli uthi urhulumente uza kuqinisekisa ukuba ooceba abatsha basebenzela uluntu. UVuyolwethu Mabeqa usilungiselele le ngxelo kaNtebo Mokobo...
Isigaba sorhulumento loomasipala sesona sisondele kakhulu kuluntu, xa kuthelekiswa nezinye izigaba zorhulumento kwiphondo nakuzwelonke. Sisigaba esibonwa sinemigaqo-nkqubo yolawulo emininzi kwibhunga, kurhulumento loomasipala, kuquka neenkqubo zokusiwa kweenkonzo eluntwini. Unyulo loorhulumente basemakhaya kulo nyaka alukhangeli kuphela iinkokheli ezizakumela iimfuno zoluntu ebhungeni loomasipala, kodwa ludinga iinkokheli ezinolwazi ngokusebenza kwesi sigaba sorhulumento. Ukusicacisela banzi ngesi sigaba sorhulumento, kunye nokubaluleka kokukhethwa kweenkokheli kuso, uAmanda Xhala uncokole nengcali yorhulumento, uYolakazi Mfutho...
Njengokuba sele equkunjelwa amalungiselelo onyulo ngomso umhla wesine kwenyeNkanga, ikomishoni yonyulo ezimeleyo ithi yenze onke amalungiselelo adingekayo ukuqinisekisa unyulo olungazukuba naziphazamiso. Kusenjalo iindawo eziliqela kwiphondo iMpuma Koloni ezaziwa njenge hotspots zolwaphulo mthetho, zijongwe ngamehlo abomvu ngelixesha. Yilonto ke sithe masimeme inkonzo yesipolisa ephondweni ukufumanisa izicwangciso zayo ukukhawulelana nemingeni yolusuku. U-Amanda Xhala uncokole nomkhomishinala wamapolisa kwiMpuma Koloni, uLieutenant General Vuyisile Ncata...
Luyaqukunjelwa usuku lwesibini lwevoti ezikhethekileyo nebezilungiselelwe abo babhalisele uvoto kodwa bangakwaziyo ukuyokuvota kwizikhululo zabo kunye nabo babandezeleke ngokwamalungu omzimba. Ukuncokola banzi ngoku namalungiselelo angomso, emnxebeni sinaye ongusekela manejala we IEC ephondweni u Masindi Mosehana....
Ukukhutshwa koMzantsi Afrika kwisivumelwano se-AGOA kuphakamise inkxalabo malunga nekamva lobudlelwane borhwebo neMelika (United States), kunye nefuthe lako kuqoqosho lwelizwe. Urhulumente woMzantsi Afrika uthi uyaziqonda iinkxalabo ezinokubangelwa sesi sigqibo. Nangona oku kungathethi ukuba uMzantsi Afrika uza kuphulukana nokufikelela kwimarike yaseMelika, ukwenyuka kweerhafu kunokunciphisa ukhuphiswano lweemveliso zeli. Emnxebeni sithe masikrwece uGqirha Asanda Fotoyi, noyingcali yezoqoqosho ukuze siqonde ukuba oku kuthetha ukuthini kuMzantsi Afrika, kumashishini nakuluntu ngokubanzi.
Umongameli uCyril Ramaphosa ukhusele urhulumente we-democrasi weli olawulwa ngokubambisana kwamaqela ezopolitiko, esithi ukwanda kwamaqela ezopolitiko kubonisa umgaqo we-democracy othi "the people shall govern", oko kuthetha ukuba abantu bakuzikhethela urhulumente ofunwa ngabo. URamaphosa ukutsho oku ngexa etyelele ii-ofisi ze-Premier Soccer League, iPSL ngamafuphi eParktown eRhawutini, nalapho ahlangene nosihlalo we-PSL, uGqirha Irvin Khoza. Ukwakhuthaze uluntu loMzantsi Afrika ukuba luthathe inxaxheba kunyulo loorhulumente basekhaya, esithi uluntu lweli lungayiphucula indlela abalawulwa ngayo oomasipala ngokuthi luvote. U-Amanda Xhala usilungiselele le ngxelo kaSibahle Motha...
Nanjengoko kujongwe kunyulo loorhumente basemakhaya, uqikelelo lubonakalisa ukuba ngahle oomasipala abaliqela kwabo bambhaxa kungabikho mbutho uphumelela ngesininzi. Umbuzo ngoku ngowokuba, ingaba uMzantsi Afrika ungena kwixesha apho sizakubona ulawulo lwendibanisela iyinto yesiqhelo, elilizwe ekufuneka luziqhelanise nayo kusini na. Ukusinceda ukuqwalaslea esingakulindela kolunyulo nekamva loorhulumente bendibanisela, masamkele ugqirha Xolisile Ngumbela ongumhlalutyi wezopolitiko ...
From the publisher's feed
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.