Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
August 04, 2026TRUNEWS @6 - The Gqeberha High Court has ordered the NMB municipality to reinstate the previous electricity tariff structure for domestic consumersInkundla ephakamileyo yaseGqeberha iyalele umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ukuba ubuyisele uhlobo ebiqulunkqwe ngayo ngaphambili irhafu yombane, kutshintsho oluqale ngomhla wokuqala kuJuly, emva kokusiwa enkundleni ngumbutho weDA. Lo masipala ukwayalelwe ukuba ufumane imvume kwicandelo iNational Energy Regulator of South Africa zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu ukuze kwenziwe uhlengahlengiso kubume berhafu yombane. Ukuva banzi ngentsusa yoku, Amanda Xhala spoke to SABC reporter, Kim Daniels......more6minPlay
August 03, 2026TRUNEWS @6 - Do manifestos still matter?Onke amehlo ngoku ajonge kunyulo loomasipala apho abemi beli bezakuzikhethela ooceba babo noosodolophu abanqwenela ukuba babakhokhele, bafezekise izidingo zasekuhlaleni. Sithe makhe sijonge umsebenzi wezithembiso zonyulo, iimanifesto ukutsho. Ingaba zisasebenza ukukhuthaza iivoti zoluntu? Abanye bathi abasenamdla wokumamela ezizithembiso kuba oosopolitiki abazigcini izithembiso zabo. Ukushukuxa lo mba, uAmanda Xhala uncokole nomhlalutyi wezopolitiko, uSandile Swana......more14minPlay
August 03, 2026TRUNEWS @6 - NMBM welcomes TrackAdapt Project aimed at strengthening climate resilience in NMBOomasipala abambhaxa, iNelson Mandela Bay nesixeko saseKapa, bachongwe liphulo elijongene nobume bezulu nophuhliso kwelizwekazi i-Afrika, iAfrican Climate and Development Initiative, iACDI, elikwiYunivesiti yaseKapa, ngokubambisana ne-arhente yophuhliso kwilizwe laseFrance, iAgence Française de Développement, iAFD ngamafuphi, nje ngoomasipala abambhaxa kweli ekuza kuphuhliswa, ze kumiliselwa kubo iinkqubo zale mihla zokuvavanya inkqubela esele yenziwe ekubeni oomasipala abambhaxa bakwazi ukumelana nokuguqu-guquka kobume bezulu. Oku ziinzame zokunceda ekuphawuleni ezona zinto ziphambili ekusebenzeleni ukucutha imisantsa, kusetyenziswa izixhobo zokucutha iimphuphuma, imbalela nokhukuliseko kwimimandla eselunxwemeni, neyimingcipheko aba masipala bambhaxa babini abajamelene nayo. U-Amanda Xhala uncokole banzi ngalo mba nolilungu lekomiti kasodolophu elijongene nempilo yoluntu kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay, uThsonono Buyeye......more9minPlay
August 02, 2026NEWS REVIEW| SA government's intervention to address water crisis in municipalitiesUrhulumente kazwelonke umilisele ikomiti equka amasebe karhulumente, ii-arhente kunye necandelo labucala ukumilisela isicwangciso sokuqubisana nomngeni wobonelelo lweenkonzo zamanzi oludodobeleyo koomasipala beli. Le komiti kunye nesi sicwangciso ziyingxenye yongenelelo lukarhulumente kazwelonke phantsi kuka-Operation Vulindlela, nonjongo yayo ikukukhawulezisa iinkqubo zikarhulumente zokusa iinkonzo kuluntu. U-Ayabonga Kekana uye wancokola apha enkqubeni nosekela mphathiswa wesebe lamanzi nogutyulo, uDavid Mahlobo......more57minPlay
August 01, 2026INTERCHANGE-Appendix Cancer Awareness MonthInyanga yeThupha yinyanga apho kuqatshelwa isigulo somhlaza wethunja, obizwa iAppendix Cancer. Injongo yoku kukunceda uluntu ukuze luwuqonde lomhlaza unqabileyo nothi ufumaneke sele konakele kwaye ubani engawulindelanga. Iingcali zempilo zithi abantu abaninzi azange beva ngalomhlaza de kube kanti ubachaphazele okanye ufunyaniswe kwisizalwane. UAyabonga Kekana uncokola nophuma kwi Dr B Talks, uGqirha Luvuyo Bayeni....more9minPlay
July 30, 2026TRUNEWS@6 ICASA, proposed regulations for rapid deployment of electronic communications network ICASA iphulaphule izimvo zoluntu ngemigaqo nkqubo egxile ekukhawuleziseni kokunikezelwa ngeenkqubo neziseko zonxibelelwano ezisebenzisa i internet. Ongumlawuli oyintloko kwicandelo le Association of Communications & Technology kwi ICASA, uNomvuyiso Batyi usicacisela banzi ngoku...more8minPlay
July 30, 2026#TRUNEWS@6| Why is it important to have a will?Ukubanomyolelo obhaliweyo welifa yinto engabonakala ngokungathi ayibalulekanga, de kufikelele ixesha lempixano ngokubanga oko kushiywa ngumfi. Ukungabi namyolelo wokuba izinto zakho xa ubhubhile mazebiwe njani na, kungadala iintanda kusapho maxa wambi umlo wokubanga ilifa uphelele nakwii nkundla zamatyala. U-Amanda Xhala uye wancokola negqwetha lezomthetho apha eMpuma Koloni u Bongani Qina......more8minPlay
July 30, 2026TRU NEWS @6| "SA's nuclear power expansion not a threat to coal energy and environment"Urhulumente woMzantsi Afrika uthi uyaqhuba nezicwangciso zokwandisa ukuveliswa nokuphehlwa kombane kusetyenziswa i-nuclear. Okwangoku, sisesinye kuphela isikhululo esiphehla umbane nge-nuclear, yi-Koeberg eNtshona Koloni. Eli lelinye lamalinge okuqinisekisa ukuba eli lineenkalo ezahlukileyo, nezaneleyo, zokubonelela ngombane okhuselekileyo nofikeleleyo kuluntu. Nangona kunjalo, zikhona iinkxalabo U-Amanda Xhala uye wancokola nongusekela-mlawuli kwicandelo lolawulo lwe-nuclear kwiSebe lezamandla nombane, uZizamele Mbambo......more11minPlay
July 30, 2026TRUNEWS @6 - SA indigenous Rooibos seeds will be sent to the International Space StationKuza kuthunyelwa iimbewu zeRooibos emajukujukwini, kwi-International Space Station, apho kuza kuhlolwa khona ifuthe lokukhula kwesi sityalo singekho mhlabeni, into ekuthiwa yi microgravity. Eli liphulo lezenzulwazi (scientific) loMzantsi Afrika elinxulumanisa imfunalwazi kwezolimo, nokusemajukujukwini, neliphehlelelwe ngokusesikweni kule nyanga, phantsi kwenkqubo ebizwa iRooibos in Space. To hear more about this, Amanda Xhala spoke with the Spokesperson for the SA Rooibos Council, Adele du Toit......more6minPlay
July 29, 2026TRUNEWS @6 - IEC final Voter Registration WeekendIkomishoni ezimeleyo yezonyulo, i-IEC ngamafuphi, imemelela abemi boMzantsi Afrika abaselungelweni lokuvota ukuba basebenzise le mpelaveki ukubhalisela ukuvota. Uluntu luza kukwazi nokulungisa iidelesi zeendawo oluhlala kuzo, ngomhla wokuqala nowesibini kwinyanga yeThupha (August). Oku kubhalisa kulungiselela unyulo loomasipala oluza kubanjwa ngomhla wesine kweyeNkanga (November) kulo nyaka. U-Amanda Xhala uye wancokola nosekela-mlawuli we-IEC kwiMpuma Koloni, uMasindi Mosehana......more8minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.