uNtsiki Maposa, wayefudula engumdlali webhola ekhatywayo engunozinti kumabanga aphakamileyo ukuya kwimfundo enomsila.
Udlalile nabantu abafana nooBara Ncandana, udlalile nakwiqela iAll Stars eMthatha. Wakhe wanguye nomsasazi wezemidlalo. Ukwanayo ne Academy yentenetya.
Philela
Unyana wakhe uPhilela uya naye wanothando lwebhola ekhatywayo kuba kwasekukhuleni ebehamba notata wakhe ukuya emabaleni. Udlalile kwiqela le Helenic U12 nakwi Devon Rovers kodwa khange ehambele phambili nekhondo lokudlala wajonga ezifundweni (Sports Management).
Ngoku yi Video Performance Analyst, ujonga amaqela abakhuphisana nawo ukuba bangawabethaphi aphinde ajonge abadlali beqela lakhe ukuba ziintoni abanokuziphucula.
Waphumelela iNedbank Cup neFree State Stars, iTelkom Knock Out ne Platinum Stars Usebenzile noMushin Etugral , noLuc Emael.