
Sign up to save your podcasts
Or


uSonwabile Mdondolo uphendula imbalelwano yomphulaphuli ethi "Umzala wam uphunyelwe zimali zakhe apha futhi uthembe mna ukuba ndimcebise. Ndithi kuye maka save imali kodwa ndikhumula usithi kukho umahluko phakathi koku save no invest, ingaba umntu one R 2 million ephuma ku RAF angalungelwa yeyiphi? Futhi iyintoni umahluko? Mna ndingu master pha emgalelweni yilento kubuzwa kum nje. Thina bantu banganemali inintsi singayi tyala phi imali?"
UNowini ukhulele eSoweto eRhawutini waze wenza izifundo zobutitshala kwiUnivesithi YasePitoli. Usebenze nje inyanga ezisithoba eMzantsi phambi kokuba athathe isigqibo sokuba awelele eVietnam ayotitsha khona ngo2024.
UVuyokazi uMamtolo, ophuma eRwantsana eCentane, wakhulela kuGompo. Wafundela iBCom Accounting eFort Hare waza wasebenza kwiInternal Auditing. Kuthe kwakufika iCOVID uye wanomdla wokuyisebenza phesheya, uthe ke ngo-2021 wafudukela phesheya, kodwa ngoJulayi walo nyaka uye wathatha isigqibo ezikhulu sokuqala elakhe ishishini.
Silungisa ulwimi no Gqirha Zauka. Namhlanje silungise ulwimi, "amazwi omlomo am okanye amazwi".
USonwabile Mdondolo uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, " Xa umntu efuna ukuthatha umhlala-phantsi, ingaba yimalini ongacebisa ukuba abe nayo ukuze akwazi ukuphila kamnandi xa sele ethatha umhlala-phantsi? Kwaye yintoni endinokuyenza ngoku ukuze ndikwazi ukufikelela kuloo mali?".
UAnganathi ukhulele kwaBhaca, kodwa kunyaka ophelileyo wafudukela eTshayina njengenxalenye ye-exchange programme, apho ebefunda khona. Ngoku usekhefini eMzantsi Afrika, kodwa ubomi bakhe bungaphezulu nje kokufunda. Abantu abanintsi bamazi nge vidiyo zakhe zobomi bakhe eChina kuTikTok.
Lubabalo Ngcolomba – itsha-Ntlizityo elichasene nobudlobongela ngokwesini uthetha neqela le BEE malunga nalomba wokuhlukunyezwa kwamanina.
uGqirha Zauka ulungisa ulwimi phakathi kwegama elithi, "umna" okanye "mna". Zivele ukuba ulungise wathini.
UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "Ndicela ubuza Bhuti Zipho, sinegxaki apha ekhaya kwasweleka uDadobawo obesasebenza. Imali zakhe azikaphumi namanje?"
From the publisher's feed