UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphuli nethi,
"Ngexesha lezantyalantyala apha eNtshona Koloni, ndiye ndanengxaki ekhaya apho indlu yam yaye yachaphazeleka ngamanzi engena ngaphakathi endlini. Lonto yaye yabangela ukuba ndingakwazi ukuya emsebenzini.
Ndaye ndamxelela umqeshi wam ngoku kwaye naye wavuma. Ndaye emveni kwentsuku ezimbini ndabuyela emsebenzi kwaye ndabe ndimphathele nemifanekiso ebonisa oko kwenzekileyo.
Ngexesha lokurhola ndiye ndaqaphela ukuba imali iyashota ngemali yentsuku ezimbini, ngethuba ndibuza umqeshi wam waye wathi zezantsuku zokungaphangeli kwam ngenxa ye zantyalantyala.
Owona mbuzo wam kukuba lonke iKapa ngelixesha belingasebenzi, ingaba kusemthethweni oko akwenzileyo lo mqeshi?"