Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
March 11, 2026TRUNEWS @6 - Eastern Cape Transport MEC visits family members of the five deceased.Amalungu osapho lwabantu abahlanu abaphulukene nobomi kwingozi emasikizi eyehle kuhola wendlela uN6 phakathi kweCumakala nedolophu yaKuGompo, kwiphondo iMpuma Koloni ngeCawa, athi kusenzima ukuzamkela ezi ndaba zibuhlungu kangaka. Abanye abantu abangamashumi amathandathu bonzakele ngokumasikizi, emva kukuba ibhasi nesithuthi esincinci zingquzulene kwasweleka bonke abantu abebekwe sisithuthi. Usapho lwabafi belulungiselela umngcwabo welinye ilungu losapho ngexa kusehla le ntlekele. UAbongile Jantjies uza nengxelo... ...more2minPlay
March 11, 2026TRUNEWS @6 - Mosiuoa Lekota remembered as a brilliant organiser by his comrades and friendsIzihlobo namaqabane alowo ungasekhoyo obengumseki wombutho i Congress of the People, u Mosiua Terror Lekota, zimkhumbule njengomququzeleli ophum'izandla ngethuba kubanjwe inkonzo yakhe yesikhumbulo kwibandla lamakatolika, i Regina Mundii, eSoweto namhlanje. uNtebo Mokobo ebelapho wasenzela lengxelo iza no Thandokazi Vusani...more4minPlay
March 11, 2026ECHRC subpoenaed the Provincial Health Department to address widespread challenges across several healthcare facilitiesIkomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni, izolo ikhwebe isebe lezempilo ephondweni kwintlanganiso ebifuna ingcaciso kuyo ngokufeda kwesebe kwiinkqubo zalo zokubonelela ngeenkonzo zempilo, kuluntu lwephondo. Oku kulandela ukufakwa kwezikhalazo luluntu lwephondo ngemingeni olujamelana nayo xa lundwendwele amaziko esebe abonelela ngeenkonzo zempilo. Masincokole nosihlalo wale komishoni ephondweni, uGqirha Eilen Carter…...more5minPlay
March 11, 2026Courts to be asked to intervene to save a teen's lifeIsibhedlele saseRhawutini iCharlotte Maxeke Academic, kunganyanzeleka sibhenele kwiinkundla zamatyala ngelokungenelela ekusindiswe ubomi benkwenkwana eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala, edinga ukutyandwa kodwa abazali bomntwana bayala ukuba athiwe igazi ngenxa yenkolo yabo. Le nkwenkwana yaseMpumalanga elwa nesifo sezintso nesibindi, icocwa igazi (dialysis) kwisibhedlele i-Charlotte Maxeke Academic. Emnxebeni, sinaye umphathiswa wezempilo ugqirha Aaron Motsoaledi.. ...more9minPlay
March 10, 2026News Review | Violence and bullying in schools in the Eastern Cape)Ubundlobongela kunye nokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni eMpuma Koloni kuphinde kwangu ndaba mlonyeni. Oku kulandela iziganeko zakutshanje ezixhalabisayo, nezibandakanya abafundi kwezinye zezikolo kweli phondo. KuGompo kuye sibone kumakhasi onxibelelwano ushicilelo lwe video ebonisa umfundi ebethwa ngabanye abafundi, nto leyo ethe yabangela umsindo kuluntu kunye nemibuzo malunga nokhuseleko ezikolweni. Kanti e Mthatha, amagosa ezemfundo anyanzeleke angenelele emva kwezikhalazo zokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni, ukubala iziganeko nje ezimbalwa. Oku kuphinde kwavusa iingxoxo malunga nendlela ekulawulwa ngayo ezikolweni, indima ekumele yenziwa ngabazali kunye noluntu ngokubanzi, ukuqinisekisa ukuba izikolo zihlala ziyindawo ekhuselekileyo yokufunda.Ayabonga Kekana uncokola noyiChief Director: Education Social Support Services kwiSebe lezemfundo kweli Phondo , uLulamani Zenzile. Kunye nothethela iSGB uLungisa Mahobe.... ...more51minPlay
March 09, 202630 Minutes Live | Study calls for the formalisation of the taxi industryUphando ngoshishino lweeteksi zaseMzantsi Afrika ( Minibus taxi industry) olwenziwe yi-university yase Fort Hare, eMpuma Koloni, lugxile kwindima yeli candelo. Olu phando lukhankanye ukuba eli shishini leeteksi lidlala indima ebalulekileyo kwinkqubo yezothutho kweli, neli bonelela malunga ne70% yabakhweli. Lukwa hlab'ikhwelo lokuba elishishini libhaliswe. Emnxebeni sinaye umphandi oyintloko ophuma kwi University of Fort Hare, uDr Siyabulela Fobosi....more12minPlay
March 06, 202630 MINUTES LIVE | Department of Employment and Labour has urged construction companies to prioritise hiring South AfricansIsebe lemisebenzi nezengqesho libongoza iinkampani zabakhi (construction) ukuba ziqale ngokuqesha abemi boMzantsi Afrika. Esisimemelelo siza emva kokuba elisebe lenze ugqogqo kwiinkampani ezimbini zokwakha nalapho lifumanise abemi bangaphandle abangamashumi amahlanu bengenazi mpepha zokuba kweli. Iinkampani zokwakha ayizizo zodwa ezijamelene nalengxaki yokuqeshwa kwabemi bangaphandle abangenazi mpepha. Ayabonga Kekana was in coversation with Deputy Director-General for Inspection and Enforcement Services, Aggy Moiloa....more9minPlay
March 06, 202630 MINUTES LIVE | Government employees voice their unhappiness over the Government Employees Medical Scheme 9.8 percent hike.Abasebenzi baseburhulumenteni nabangamalungu enkqubo ye-medical aid uGEMS abaxolanga sisigqibo sokunyuswa kwexabiso abalihlawulela ezi nkonzo ngomyinge ka-nine-point-eight percent ekhulwini. Iimanyano zabasebnzi angamalungu ka-GEMS kwiiveki eziphelileyo baye bangena ezitalatweni ngelivakalisa uluvo lokuchasa esi sigqibo. Yilonto sithe masimeme le medical aid scheme enkqubeni. Ayabonga Kekana uncokola noyi-Chief Operations Officer, kwa-GEMS uGqirha Vuyo Gqola…...more8minPlay
March 06, 202630 MINUTES LIVE | EFF - SACP BILATERAL MEETINGKubonakala ngokungathi uqhogwano lwakuba likhubalo imibutho yezopolitiko elusebenzisayo ukufuna impumelelo. Intlanganiso ebiphakathi kwe-EFF kunye ne-SACP ibonwa njengezele amaduna namathokazi yile mibutho. Injongo yayo ibikukushukuxa iindlela zentsebenziswano phakathi kwale mibutho nezineentsika zopolitiko eziyeleleneyo, nokuba ingasebenzisana njani kunyulo loomasipala oluzakubanjwa kulo nyaka. Nayo I-Action SA ifuna ukusebenzisana nemibutho emincici eneembono ezisondeleyo kwezayo. I-BOSA, iRise Mzansi kunye ne-GOOD PARTY nazo zingene kumtshato wokuzama ukwenyusa inkxaso yabo kolu nyulo luzayo.Ayabonga Kekana uncokola nmhlalutyi wezopolitiko uHlumelo Xaba......more10minPlay
March 04, 202630 MINUTES LIVE - Learners' battle rage in Komani school has resulted to two learners to be hospitalisedUmbhodamo oqhambuke kwisikolo samabanga aphakamileyo iNdlovukazi kuKomani eMpuma Koloni, ubangele ukonzakala kwabafundi ababini ekuye kwanyanzekela ukuba babalekiselwe kwiziko lezempilo elikufuphi. Kukholeleka ukuba lo mlo wabafundi ngezikhali uphenjelelwa yimpixano yeelali aba bafundi abasuka kuzo iNdlovukazi, iLesseyton kunye kunye neZola. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usihlalo webhodi elawula esa sikolo, u-Unathi Mlindazwe…...more8minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.