Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
April 08, 2026KuGompo City residentws hold peaceful march over criminal activitiesAbahlali bakuGompo batyhola amapolisa ngokukhusela abemi base Nigeria ababatyhola ngokuba bathengisa iziyobisi kulangingqi. Isakhiwo esaziwa ngokuba yi California nalapho kutyholwa ngokuba yindawo eyenza neshishina ngeziyobisi, yeyona ndawo lomngcelele ubusingise kuyo, kunyanzeliswa ukuba ivalwe. Oku kuza emva kwesehlo sokubekwa kwalowo kuthiwa yikumkani yama Igbo yase Nigeria kuledolophu nesifumene ugxeko olukhulu. U Abongile Jantjies uyalazi elibali ...more8minPlay
April 07, 2026TRUNEWS @6 - Dept of Labour and Employment published an amendment bill to protect independent contractorsISebe lezemisebenzi nengqesho lipapashe uhlengahlengiso kumthetho ojongene neemeko zokuphangela, iBasic Conditions of Employment Act ka-1997. Olu hlengahlengiso lwenzelwe ukukhusela abasebenzi abasebenza kuphela xa bedingwa ngabaqeshi, nababizwa ngokuba zii-independent contractors, kwezinye iindawo bebizwa ngokuba zi on-call contracts. Iimeko abasebenza phantsi kwazo aba basebenzi azintlanga amaxesha amaninzi, kwaye bazibhaqa bexhatshazwa ngabaqeshi. To hear more about this, on the line now Amanda Xhala is joined by Stephen Rathai from the Department of Labour and Employment......more14minPlay
April 05, 2026NEWS REVIEW - Plan and Strategies of the newly appointed Eastern Cape Police Commissioner, Lt Gen Vuyisile NcataInkonzo yesipolisa eMpuma Koloni yonyule umkomishinala omtsha wamapolisa, uLt Gen Vuyisile Ncata, engena ezihlangwini zobe ngumkomishinala uLt Gen uNomthetheleli Mene. UNcata uthi uyayazi imingeni ejamelene neliphondo kwaye uzibophelele ekubekeni phambili ukhuseleko loluntu, aqubisane nolwaphulo mthetho. Ufika ngexesha iphondo lisajongene neqondo eliphezulu leentlobo ezahlukileyo zolwaphulo mthetho, nalapho sibone kutyalwa namajoni. Sithe makhe sincokole naye buqu ukuba sive ngomsebenzi athembisa ngokuwenza kweliphondo leMpuma Koloni. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umkomishinala omtsha wamapolisa kwiMpuma Koloni, uLt Gen Vuyisile Ncata.......more55minPlay
April 04, 2026Latest on US and Iran warAbaphathiswa abajongene nemiba yamazwe angaphandle nabaphuma kumazwe angamashumi amane aquka iBrithane, iJamani, Canada neIndia phakathi kwamanye, babambe indibano ezakuza namaqhinga okuzama ukuvula umzila iStrait of Hormuz. IStrait of Hormuz kulapho iinqanawe ezithutha amafutha aquka ipetula, idiesel kwakunye nerhasi zinqumla khona. Ngumyinge we-20 percent wehlabathi oxhamlayo kwi-Oli yase-Iran kuquka neMelika. Umlo phakathi kweMelika neIran, wenza kubenzima ukuba ihlabathi lifumane iOli. Kodwa umphathiswa wase-Iran ojongene nemicimbi yangaphandle uthi nabani na uvumekile ukuba afumane iOli kwelalizwe ngaphandle kwabo babahlaselayo. Yiveki yesihlanu kugquba imfazwe phakathi kweIran, iMelika kwakunye noSirayeli. UAmanda Xhala uncokola nengcali kwimiba yamazwe angaphandle, ugqirha Thelela Ngcethane-Vika....more13minPlay
April 04, 2026INTERCHANGE - Book Review with Alulutho Majali the author of the book called "The SEED".)Kuhlalutyo lwencwadi kule mpelaveki, sijonge incwadi enesihloko esithi "THE SEED", ebhalwe ngu Alulutho Majali. Le ncwadi ibalisa ngemingeni athe wagagana nayo umbhali ekukhuleni kwakhe, emva kokushiywa ngumamakhe eselula, kwakunye nempatho-mbi awayifumana kubantu ekwakufanele ukuba bayamkhusela. Emnxebeni kungokunje uAyabonga Kekana ubambe uMajali, ukuze asicacisela banzi ngale ncwadi......more9minPlay
April 02, 2026TRUNEWS @6 - The Eastern Cape Department of Transport will roll out a series of targeted roadblocks across key routes in the provinceNje ngenxalenye yeenzame zokuphucula ukhuseleko ezindleleni, kwa nokucutha iingozi zendlela ngeli xesha lePasika, iSebe lezothutho kwiphondo iMpuma Koloni libambe uthotho lweenkqubo zovalo lwemigaqo esetyenziswa kakhulu ngabaqhubi kweli phondo. Ezi roadblocks ziyinxalenye yephulo iArrive Alive, nelijoliswe ekuqinisekiseni ukuba abasebenzisi bendlela bafika bekhuselekile kwiindawo abaya kuzo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni u-Amanda Xhala ubambe othethela iSebe lezothutho kwiphondo, u-Unathi Binqose......more6minPlay
April 02, 2026We speak with the CRL Commission on what should be done to protect congregants from cult churchesUkuyeka kwabantu imisebenzi, abantwana bayeke izikolo, abagulayo bayeke ukusela amayeza abo ngenxa yenkolo yabo nenkolelo yabo kuphinde kwaphantsi kwesithatha kwakhona. Oku kuza emva kweengxelo zokuba kukho abantu abangaphaya kwamashumi amahlanu abenze oku, bambi bade bashiya namaqabane abo ngeliyokuzibandakanya nebandla i-Ekhaya Labafundi bakaJehovah, nelizinze kuMntla weTheku, KwaZulu-Natal. Sithe masikrwece iKomishoni ethwaliswe uxanduva lokukhusela inkolo, inkcubeko, amasiko kunye neelwimi neyaziwa njenge-CRL Commission. UAmanda Xhala uncokola nosihlalo wale komishoni uThoko Mkhwanazi-Xaluva…...more10minPlay
April 01, 2026Commuters may have to pay more as fuel hikes affect the taxi industryUmbutho omele abo bakwicandelo loshishino lwee-taxi iSANTACO, uthi uxhalabile kukwenyuka kwamaxabiso amafutha ezithuthi, nefuthe elinokubakho kwinkonzo yezothutho abanikezela ngayo kubakhweli beli. Imfazwe egqubayo kwi-Middle East ibangele ukwenyuka kwamaxabiso e-oli kwihlabathi, nto leyo ebangele ukwenyuswa kwamaxabiso amafutha ngokothusayo kweli. Zombini iintlobo ze-Petrol zenyuswe ngemali ebalelwa kwi-three rands six cents ilitha; ngeli lixa zombini iintlobo ze-diesel zenyuswe nge-seven-rands-37 cents ne-seven-rands-51 cents ilitha. UAmanda Xhala uncokole nothethela iSANTACO kuzwelonke, uRebecca Phala…...more7minPlay
March 30, 2026Reaction from Lukhanyo Calata on the dismissal of former presidents application in the TRC cases inquiry matterSichithiwe isicelo sokususwa kukaJustice Sisi Khampepe njengejaji echophele ukuphandwa kwamatyala ekomishoni yenyani noxolelaniso. Esi sicelo sikhatywe yinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. Ababesakuba ngoomongameli beli, uJacob Zuma noThabo Mbeki, bafaka esi sicelo ngelithi makasuswe, kwaye izigqibo ezisele zithathiwe zibekelwe bucala. Inkundla ifumanise ukuba basilele ukulandela iinkqubo ezizizo zomthetho, kungoko isicelo sabo sichithiwe. Sithe masikrwece iintsapho ezichaphazelekayo sive uluvo lwabo ngoku. UAyabonga Kekana uncokole nothethela usapho lakwaCalata, uLukhanyo Calata... ...more9minPlay
March 26, 2026The Public Service Commission tabled its report before the Eastern Cape Provincial LegislatureIkomishoni ejongene nomsebenzi weenkonzo zikarhulumente, iPublic Service Commission ithe thaca ingxelo kwindlu yowiso-mthetho eMpuma Koloni emayela nomsebenzi wayo wophando ochaphazela isebe lezemfundo nelezempilo ephondweni. Masincokole ngeziphumo nezindululo zoluphando nomkhomishinala we-PSC ephondweni uVuyani Mapolisa......more12minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.