Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
April 29, 2026TRUNEWS @6 - Old Mutual Corporate says two-pot system has improved retirement fund preservation rateInkampani ye-insurance kweli, i-Old Mutual Corporate, ithi iinkcukacha zayo ezintsha zibonisa ifuthe elihle lokongiwa kwemali yomhlala-phantsi susela oko kwathi kwamiliselwa inkqubo ye-Two-pot. Ithi iqondo lokongiwa kwemali yomhlalaphantsi ngoku limi kumyinge we 33%, kuba abemi boMzantsi Afrika ngoku bayayigcina imali yabo yomhlalaphantsi, khon' ukuze iqhubeke ikhula, endaweni yokuba bayikhuphe yonke xa betshintsha umsebenzi. Kuvakala ukuba uninzi lwabantu basayikhuphe kwakanye imali yabo ye-Two-Pot, lo gama iliqedlana nje elimane libuyelela. To hear more about this and what it means, on the line Amanda is joined by Chief Customer Officer at Old Mutual, Michelle Acton......more10minPlay
April 28, 2026FUNERAL POLICIESNgokwengxelo yophando olwenziwe ngu Metropolitan ebambisene ne Bureau of Market Research, akumyinge ka seventy five percent amakhaya oMzantsi Afrika ahlawula oomasingcwabane. Oluphando lubonisa ukuba oku bakwenza kuba besithi yindlela yokonga imali ukulungiselela ixesha elizayo, nangona zikhona ezinye iindlela zokonga imali ezifana nee life cover okanye ii investment policies ezinembuyekezo ebonakala ukodlula leyo yoomasingcwabane. Namhlanje ke sinenjongo yokwazi umehluko koluhlobo lotyalo mali kunezinye ezikhoyo. Yilonto ke sithe masikrwece ongusoqoqosho ukusikhanyisela banzi ngoku, u Gqirha Mkhuseli Vimba........more13minPlay
April 28, 2026SASSA ARRESTI Arhente yezibonelelo zikarhulumente u SASSA, ingenelele kumasipala i Raymond Mhlaba eMpuma Koloni nalapho ibambe abasebenzi abalishumi elinesihlanu bakwa 1Life Insurance kwilali yakwa Khulule, basiwa kwisikhululo samapolisa sase Debe Nek. Kutyholwa ngelithi ababasebenzi bebengena ngokungekho mthethweni bethengisa ii insurance kubantu abaxhamla isibonelelo sika SASSA, besenza ngathi basebenzela le arhente. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye ongumlawuli kwa SASSA ephondweni u Bandile Maqethuka........more8minPlay
April 26, 2026NEWS REVIEW - ANC/SACP dual membership discussion ahead of the Local Government ElectionsZibonakala zisanda iingxaki nokungaboni ngasonye kunxantathu okhokhelwa yi ANC, njengoko umbutho wamakomanisi , iSACP, uthathe isigqibo sokuzimela kunyulo oluzayo loorhulumente bamakhaya. i ANC inike iintsuku ezilishumi amalungu anobulungu obubini kulombutho nakwi SACP ukuba azichaze azakugayela inkxaso owuphi umbutho kolunyulo. Ebutsheni beveki i SACP ibibambe indibano noonondaba nalapho ivakalise ukungaxoli ngezityholo ezibekwa yi ANC ngakuyo. Ukuncokola banzi ngekamva le SACP nokuba siqwalasele ezi ngxaki, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Xolisile Ngumbela, kunye nosekela-nobhala jikelele wokuqala weSACP uMadala Masuku......more53minPlay
April 25, 2026INTERCHANGE - South African Local Government Association publishes a book for kids titled "My Local Government."Umbutho ojongene nokusebenza koomasipala kweli, iSouth African Local Government Association, iSALGA ngamafuphi, upapashe incwadi ethi "My Local Government." Injongo yale ncwadi kukufundisa abantwana ngokubaluleka korhulumento lukamasipala, ifuthe loqhanqalazo olukhatshwa bubundlobongela koomasipala, kwanokubaluleka konyulo kwesi sigaba sorhulumento. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umongameli we-SALGA, uBheki Sitofile, ukuncokola banzi ngale ncwadi…...more8minPlay
April 23, 2026President Ramaphosa suspends General Masemola Unqunyanyisiwe kumsebenzi wakhe umkomishinala wenkonzo yesipolisa kuzwelonke uGeneral Fanie Masemola. Esi sigqibo sivakaliswe ngumongameli weli uCyril Ramaphosa ngethuba ethetha noonondaba e-Union Buildings ePitoli namhlanje. UMasemola ekuqaleni kwale veki ebevele phambi kwenkundla kaMantyi ePitoli, nalapho aye wabekwa ityala lokungalandeli umthetho olawula ukusetyenziswa kwemali yeziko lokurhulumento, iPublic Finance Management Act. Oku kumayela nokunikezwa kwe-contract ye-tender yeMedicare24 ebonelela ngeenkonzo zempilo kwinkonzo yesipolisa. Kutyholwa ukuba oku kwenziwe kungalandelwanga miqathango iyiyo. Umongameli uchonge uGeneral Puleng Dimpane ngengomkomishinala obambeleyo. Ukuhlalutya banzi oku emnxebeni sibambe ongumhlalutyi wezomthetho u Zimisele Nxafani...more15minPlay
April 22, 2026COST OF LIVING- ECONKwezoqoqosho sithe makhe siqwalasele ifuthe lokuxhoma kweendleko zokuphila kubemi beli, ingakumbi abangathathi ntweni nabo banemivuzo engaphantsi kwe R50 000 ngenyanga. Oku nanjengoko iCompetition Commission isand'ulukhupha ingxelo malunga namaxabiso okuphila athe gqolo ukonyuka, echaphazela kakubi abemi boMzantsi Afrika. Ukuba phezulu kweendleko zokuphila kubangela ukuba abantu bagaxeleke ematyaleni. Ukushukuxa lomba, emnxebeni sinosoqoqosho uBukani Mngoma......more17minPlay
April 20, 2026MALARIALiyaxhalabisa inani labantu abosulelwe sisifo i malaria eGauteng. IXa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo elixesha, bangamakhulu mane aneshumi elinesine abantu abosulelwe sesisifo kwabhubha abalishumi elinanye phakathi kwenyanga yoMqungu neyoKwindla kulonyaka.. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni sinaye ophuma kwisebe lezempilo eGauteng nongusekela mlawuli kwicandelo elijongene nohlolo lwezifo ezosulelayo, uMr Mzimasi Neti........more7minPlay
April 19, 2026NEWS REVIEW - Unpacking EFF leader's conviction and sentencing by the EL Magistrate CourtIgwetywe iminyaka emihlanu entolongweni inkokheli ye-EFF uJulius Malema yinkundla kaMantyi kuGompo eMpuma Koloni ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Oku kulandela ukumfumanisa enetyala lokudubula umpu esidlangalaleni kumsitho wokubhiyozela iminyaka emihlanu umbutho wakhe wasekwa ngo-2018, kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane. Elinye ityala afunyaniswe enalo lelo lokubanompu kuye ngokungekho-mthethweni. Ezinye ke izigwebo ziquka imidliwo ethi xa idityanisiwe ixabise imali ebabelwa kwi-sixty thousand rands. UMalema uye wafaka isicelo sesibheno ekufunyanisweni enetyala nakwiminyaka yesigwebo leyo. Oku kulibeka phi ikamva likaMalema njengosopolitiki? Umbutho wona? Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Makhosandile Khwaza kunye nengcali kwimiba yomthetho uAdvocate Vusi Vilakazi......more54minPlay
April 18, 2026INTERCHANGE - Book review with Sinoxolo Nxakama, the author of a book called "Laqhawuka ityathanga".Kuhlalutyo lwencwadi kule veki, sijonga incwadi esihloko sithi "Laqhawuka Ityathanga", nebhalwe ngu Sinoxolo Nxakama, oyinzalelwane yakuTsolo, eMpuma Koloni. Le ncwadi engumdlalo weqonga, ifundisa ngokunyamezela ubunzima bayo nayiphi na imingeni umntu agagana nayo ebomini. Ukusabela banzi ngokuqulathwe yile ncwadi, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umbhali wayo, uSinoxolo Nxakama......more6minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.