Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
May 24, 2026NEWS REVIEW - The Eastern Cape ANC PTT's induction received mixed reactions from party membersIqoqo lolawulo kwi-ANC lichithe isikhokelo salo mbutho kwiphondo iMpuma Koloni, emva kokuba ixesha labo lolawulo lifikelele esiphelweni apha ku-May. Bekulindeleke ukuba isikhokelo salo mbutho esitsha ephondweni sonyolwe kwinkomfa yango-March kuGompo, kodwa lo nkomfa yamiswa sisithintelo sethutyana senkundla, nalapho amalungu athile aya enkundleni efuna ukuba kumiswe le nkomfa, de kuqosheliswe imiba echaphazela amasebe anabathunywa ababeza kuzimasa le nkomfa. Eyokugqibela inkomfa yachopha ngo-May ka-2022. NgoLwesine weveki ephelileyo, unobhala-jikelele we-ANC uFikile Mbalula, ngokuthunywa yi-NEC yalo mbutho, uye wazo kubhengeza ngokusesikweni isikokhelo sethutyana salo mbutho esiza kulungiselela ukuba kubekho inkomfa eza konyula isikhokelo esitsha. Esi sikhokhelo sethutyana okanye iProvincial Task Team yamkelwe ngokohlukana ngamalungu alo mbutho. Masive uMbalula xa echaza esi sikhokelo sitsha (PLAY SOUND). Emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli neendwendwe zethu eziza kusincedisa ukuhlalutya esi sikhokelo, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast kunye noGqirha Xolisile Ngumbela… ...more55minPlay
May 21, 2026TRUNEWS @6 - Political conflict in the DRC a huge challenge in the fight against the spread of EbolaImfazwe yobuzwe, ukungazinzi kobukhonkeli norhulumento, kuquka namaqela abavukeli kwilizwe iDemocratic Republic of Congo, kwenza kubenzima ukuba ela lizwe liqubisane ngokuyimpumelelo nengxaki yokunwenwa kwentsholongwane i-Ebola. Le ntsholongwane iluhlobo olutsha nolwahlukileyo, i-Bundibugyo, sele ibulele abantu abayi-131 kwela lizwe. Umbutho i-World Health Organization ubhengeze ezokuba esi sifo sisachaphazela ela lizwe okwangoku, hayi ihlabathi liphela. Oko kubhengezwa kubizwa ngokuba yi-Epidemic. U-Amanda Xhala uncokole nomphandi wemiba yembali nopolitiko kwizwekazi i-Afrika nophuma e-UNISA, uAdvocate Sipho Mantula…...more13minPlay
May 21, 2026TRUNEWS @6 - The ANC has opened public nominations for its centralised selection process for mayoral candidates ahead of the 2026 local government electionsI-ANC ibhengeze ukuba ivuliwe inkqubo yokuchongwa kwabagqatswa kwizikhundla zoosodolophu ukulungiselela unyulo loomasipala. Le nkqubo iqala koomasipala abambhaxa abasibhozo nabezithili abangamashumi amabini anesibini, needolophu. Ngokwentetho ebhaliweyo yalombutho, le nkqubo ivumela nabani na ongummi woMzantsi Afrika kuquka abangengomalungu amaqela ezopolitiko, ukuba bachonge abagqatswa okanye bazigqatsele unyulo bona buqu. U-Ayabonga Kekana uncokole noyi Senior Researcher e-Electoral Institute for Sustainable Democracy in Africa, uThembelani Mazibuko......more6minPlay
May 20, 2026TRUNEWS @6 - SAQA removed more than 1 100 outdated "legacy" qualifications from the national registerKwenziwa utshintsho kwinkqubo yeziqinisekiso zemfundo noqeqesho eMzantsi Afrika. Ibhunga elijongene neziqinisekiso zemfundo eMzantsi Afrika, iSouth African Qualifications Authority, nesebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho, bazakuphelisa izifundo ezingaphezulu kwewaka. Bathi bakwenza oku ngenxa yokutshintsha kwamaxesha. On the line now Amanda Xhala is joined by Chief Operating Officer for SAQA, Dr Makhapa Makhafola... ...more10minPlay
May 20, 2026TRUNEWS @6 - ZUZA Navigation App to address struggles in reaching areas that do not have street addresses in townships and rural areasInzalelwane yaseMdantsane ngaphandle kwesixeko sakuGompo, uSivuyile Ngcanga, ivelise ubuchwepheshe iZuza Navigation app, obuzakuncedisa ukufikelela kwiindawo ekunzima ukufikelela kuzo ngeGPS, kwiilokishi nasezilalini. Ngamanye amaxesha kubanzima ukufikelela kwezinye iindawo usebenzisa iGPS xa usezilalini okanye elokishini, ngenxa yokungabina magama ezitalato abhalisiweyo. Ukusabela ngale navigation app, uAmanda Xhala uncokole nongumvelisi wayo buqu, uSivuyile Ngcanga......more15minPlay
May 17, 2026NEWS REVIEW - Diving deep on the Section 89 report on the Phala Phala sagaNamhlanje ku News Review siphonononga, sihlalutye ingxelo yeqela likaSection 89, ebeliphanda izityholo zezenzo ezigwenxa nokophula umgaqo-siseko kuka mongameli uCyril Ramaphosa, malunga nomba wokuqhekezwa kwefama yakhe iPhala Phala. Kutsha nje, inkundla yomgaqo-siseko igqibe kwelokuba le ngxelo mayibuyele epalamente, ze ipalamente iseke ikomiti eza kujongana nokususwa komongameli esikhundleni, ngenxa yokufumanisa ukungangqinelani nomgaqo-siseko kwenkqubo yokuchitha ingxelo ka Section 89 ngo2022. Umongameli uRamaphosa uye kamva wabhengeza ukuba uza kubhenela ezinkundleni zomthetho ngale nyewe, khon' ukuze kuphonongwe le ngxelo ka Section 89. Ukuncokola banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana wamkela oyingcali kwezomthetho, uAdvocate Jazz Vilakazi, siphinde samkele nogqirha Mkhuseli Vimba oyingcali kwimiba yopolitiko kuquka nomthetho…...more52minPlay
May 16, 2026INTERCHANGE - A South African Architect walks 1,600km for Housing DignityUMzantsi Afrika ujamelene nengxaki emandla yokunqongophala kwezindlu. Kungesi sizathu ke apha ityendyana laseThekwini elinamashumi amathathu anesibini eminyaka ubudala, ligqibe kwelokuba lithathe uhambo olungumgama ozii-khilomitha eziyi 1600 lisuka eThekwini, lisingise eKapa, lihamba ngeenyawo. UWandile Mthiyane ongumzobi weeplani zezindlu, ubambe eli phulo ngelokuphawula nokufundisa uluntu ngale ngxaki yokunqongophala kweendawo zokuhlala, kweli loMzantsi Afrika. Ziintsapho ezikwizigidi kweli ezisalindele ukufumana iindawo zokuhlala ezinesidima, nezinokuzibiza ngokuba likhaya. Ukanti kungokunje uAyabonga Kekana uqhagamishelana noMthiyane ese Jeffrey's Bay......more8minPlay
May 16, 2026INTERCHANGE - Unpacking imposter syndrome/Confidence Gap in a workplaceMphulaphuli unalo ulwazi ngento ekuthiwa yi-Confidence Gap okanye i-Imposter Syndrome? Ayisosifo! Kodwa yinto echaphazela uninzi lwabantu. Ukungazithembi kwizakhono namendu onawo. Ukubanoloyiko lokoyika ukufeda, ukuhlazeka nokuhlekwa xa unongaphumeleli koko ukwenzayo. Oku isenokuba semsebenzini, esikolweni nakwizicwangciso zakho ngobomi. Ingaba ibangelwa yintoni lento kwaye ingancedakala njani? Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe oyi Career Consultant kunye neLife Coach, uGqirha Sanele Gamede…...more8minPlay
May 14, 2026TRUNEWS @6 - EC Education Department reacts to the statement on the inquiry into allegations of maladministration and unethical conductKukho ingxelo yeEqual Education ephakamisa inkxalabo enkulu ngomgangatho wezikolo zaseMpuma Koloni. Ngokweenkcukacha zeSebe lezeMfundo yi25% yezikolo zeli phondo ezikwimeko embi kakhulu. Kwezinye abafundi banyanzeleka ukuba bafundele kumagumbi angakhuselekanga nadilikayo, kwaye ezinye ezikolo azinawo nombane. Ukanti emxebeni kungokunje uAmanda Xhala ubambe othethela isebe lezeMfundo kweli phondo uMalibongwe Mtima... ...more6minPlay
May 14, 2026EQUAL EDUCKukho ingxelo yeEqual Education ephakamisa inkxalabo enkulu ngomgangatho wezikolo zaseMpuma Koloni. Ngokweenkcukacha zeSebe lezeMfundo yi25% yezikolo zeli phondo ezikwimeko embi kakhulu. Kwezinye abafundi banyanzeleka ukuba bafundele kumagumbi angakhuselekanga nadilikayo, kwaye ezinye ezikolo azinawo nombane. Le ngxelo ikwakhankanye izityholo zolawulo olugwenxa kunye nokuziphatha kakubi kwiSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, kuquka amabango okuba imali eyayenzelwe ukwakha nokuphucula izikolo yasetyenziswa gwenxa. Ukuva banzi ngale ngxelo, emxebeni u-Amanda Xhala ubambe iSenior Researcher kwa-Equal Education, uSam Beynon... ...more8minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.